CLIMATE RESILIENT AGRICULTURE: PRACTICES FOR
SMALLHOLDER FARMERS VOLUME 2 PART 6
FARMER HANDOUTS: ISIXHOSA
TT 841/7/20
Climate Resilient Agriculture:
Practices for Smallholder Farmers
Volume 2 Part 6
Farmer Handouts: isiXhosa
E Kruger, MC Dlamini, T Mathebula, P Ngcobo, BT Maimela &S Ntonta
Report to the
Water Research Commission
by
Mahlathini Development Foundation
WRC Report No. TT 841/7/20
February 2021
Obtainable from
Water Research Commission
Private Bag X03
Gezina, 0031
orders@wrc.org.za or download from www.wrc.org.za or www.mahlathini.org
The publication of this report emanates from a project entitled Collaborative knowledge creation and mediation
strategies for the dissemination of Water and Soil Conservation practices and Climate Smart Agriculture in
smallholder farming systems. (WRC Project No.K5/2719/4)
This report forms part of a series of 9 reports. The reports are:
Volume 1: Climate Change Adaptation for smallholder farmers in South Africa. An implementation and
decision support guide. Summary report. (WRC Report No. TT 841/1/20)
Volume 2 Part 1: Community Climate Change Adaptation facilitation: A manual for facilitation of Climate
Resilient Agriculture for smallholder farmers. (WRC Report No. TT 841/2/20)
Volume 2 Part 2: Climate Resilient Agriculture. An implementation and support guide: Intensive homestead
food production practices. (WRC Report No. TT 841/3/20)
Volume 2 Part 3: Climate Resilient Agriculture. An implementation and support guide: Local, group-based
access to water for household food production. (WRC Report No. TT 841/4/20)
Volume 2 Part 4: Climate Resilient Agriculture. An implementation and support guide: Field cropping and
livestock integration practices. (WRC Report No. TT 841/5/20)
Volume 2 Part 5: Climate Resilient Agriculture learning materials for smallholder farmers in English. (WRC
Report No. TT 841/6/20)
Volume 2 Part 6: Climate Resilient Agriculture learning materials for smallholder farmers in isiXhosa. (WRC
Report No. TT 841/7/20)
Volume 2 Part 7: Climate Resilient Agriculture learning materials for smallholder farmers in isiZulu. (WRC
Report No. TT 841/8/20)
Volume 2 Part 8: Climate Resilient Agriculture learning materials for smallholder farmers in Sepedi. (WRC
Report No. TT 841/9/20)
DISCLAIMER
This report has been reviewed by the Water Research Commission (WRC) and approved for publication.
Approval does not signify that the contents necessarily reflect the views and policies of the WRC, nor does
mention of trade names or commercial productsconstitute endorsement or recommendation for use.
ISBN 978-0-6392-0233-4
Printed in the Republic of South Africa
© WATER RESEARCH COMMISSION
ACKNOWLEDGEMENTS
The following individuals and organisations deserve acknowledgement for their invaluable contributions and
support to this project:
Chris Stimie (Rural Integrated Engineering – RIEng)
Dr Brigid Letty and Jon McCosh (Institute of Natural Resources – INR)
Nqe Dlamini (StratAct)
Catherine van den Hoof (Researcher)
Dr Sharon Pollard, Ancois de Villiers, Bigboy Mkabela and Derick du Toit (Association for Water and Rural
Development)
Hendrik Smith (GrainSA)
Marna de Lange (Socio-Technical Interfacing)
Matthew Evans (Web developer)
MDF interns and students: Khethiwe Mthethwa, Samukhelisiwe Mkhize, Sylvester Selala, Palesa Motaung
and Sanelise Tafa
MDF board members: Timothy Houghton and Desiree Manicom
PROJECT FUNDED BY
REFERENCE GROUP MEMBERS
Prof S Mpandeli Water Research Commission
Dr S Hlophe-Ginindza Water Research Commission
Dr L NhamoWater Research Commission
Dr O CrespoUniversity of Cape Town
Dr A Manson KZN Department of Agriculture and Rural Development
Prof S WalkerAgricultural Research Council
Prof CJ Rautenbach Previously of WeatherSA
COLLABORATING ORGANISATIONS
https://inr.org.za/https://award.org.za/https://amanziforfood.co.za/
https://foodtunnel.co.za/http://www.rieng.co.za/
This page was intentionally left blank
Uhlelo Lwezolimo Olulungiseselwe ukomelela
Nokumelana Noguquguquko Lwesizo Sezulu:
Lulungiselelwe Abalimi Abasakhasayo
1 LUYINTONI OLUHLELO LWE-ZOLIMO OLULUNGISELELWE UKUMELANA NESIMOSEZULU
(CRA)
Uhlelo lokumelana noguquguquko lwesimo sezulu lulungiselelwe uzinzo, ukuphuhlisa/ukunyusela
ngokuthe xaxa imveliso kunye nengeniso kwezolimo, kuhambisana nokuziqhelanisa neengqubo
mgomo ekuqhubeni kohlelo lwethu lwezolimo ngaphansi kwemeko ezitshintshileyo kanye
nokuqinisekisa ukuba iindlela zethu zolimo zinobudlelwane obuhle nendalo/imvelo. Oku kumalunga
nokwenza iinguquko malunga neendlela esilima ngazo ekutshintsheni iindawo ezisingqongileyo
okukukuphucula ukwazi kwethu kanye namandla endalo esingqongileyo ukuze sonke sikwazi
ukumelana nezinguqunguquko
Ugxininiso lukwinqanaba labalimini mveliso basemakhaya, okanye abakhasayo. Oluhlelo Lwe-Zolimo
olulungiselelwe ukumelana nesimosezulu luneenjongo zokuphuhlisa kwimiba yesivuno, imfuyo kwaye
nolawulo lwamadlelo; ulawulo lwezixhobo zemveliso, kanye-kanye nolawuleko lwamanzi nomhlaba
njengoba kubonisiwe emfanekisweni ongezantsi.
Umfanekiso wokuqala: uphunyezo lohlelo olulungiseselwe ukomelela Nokumelana Noguquguquko Lwesizo Sezulu
oluhlanganiswe kumacandelo onke kwinqanaba lwemizi
(adapted from Arslan, 2014)
Kunoluhlu lweendlela zonkwenza oluhlelo lwezolimo ezingaba luncedo. Uluvo lwethu kukuba sizame
ezindlela zokwenza ezizofaneleka ukuncedisana nathi, apho sihlala khona futhi siphinde sizithelekise
kunye nezo ebesifudula sizenza, ukuze siqaphele umahluko kwaye sikwazi ukwenza izigqibo
ukusukela apho malunga nokutshintsha indlela zethu zolimo.
Ukudibanisa iqela lezindlela zahlukileyo kungancedisa ukunyusa iziphumo zazo.Izicwangciso
zichazwe kafitshane ngezantsiUlwazi oluthe vetshe luyafumaneka kulamacandelo alandelayo
www.mahlathini.org , www.amanziforfood.co.za
Isivuno ImfuyoIm
f
u
yo
Impilo kanye
nokuchuma
komhlaba
Amanzi
s
vun
Izixhobo
zemvelo/
umhlaba
INTSEBENZI
N
N
N
N
N
N
N
N
N
N
N
N
N
N
N
N
ZI
ZI
ZI
ZI
ZI
ZI
Z
ZI
ZI
Z
Z
ZI
ZI
Z
I
Z
ZI
I
ENEN
EN
ENEN
EN
E
E
E
E
E
ZZ
Z
Z
Z
Z
Z
EN
EN
EN
N
EN
N
N
N
N
EN
E
EN
E
ZI
ZI
ZI
ZI
Z
ZI
Z
Z
Z
EB
EB
EB
EB
EB
EB
EB
B
B
B
B
B
EB
B
EB
E
E
B
B
B
EB
E
B
EB
EB
B
E
E
E
E
E
B
B
B
B
B
B
B
B
B
E
E
E
E
E
I
I
I
I
IN
IN
IN
IN
IN
IN
N
N
IN
I
IN
N
N
N
IN
IN
I
N
T
N
TSTS
TS
TS
TS
TS
TS
TS
S
TS
S
TS
TS
T
S
TS
TS
S
S
S
S
S
S
S
T
T
S
T
S
S
E
E
E
E
E
E
E
SWANO
O
O
O
O
O
O
O
O
O
SW
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
W
AN
AN
AN
AN
AN
AN
AN
AN
AN
A
AN
AN
A
A
AN
AN
AN
AN
A
A
AN
AN
AN
O
O
OO
O
O
O
O
O
O
O
O
O
O
O
O
O
O
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
S
SWSW
SW
SW
SW
S
S
S
S
S
S
S
S
S
OO
O
O
O
O
O
O
W
W
W
W
W
W
ANAN
AN
A
A
A
A
OO
O
O
O
O
O
O
O
O
O
S
S
S
S
S
SWSW
SW
W
SW
S
S
S
S
S
S
S
S
W
W
S
S
S
W
W
Ulondolozo
lwamanzi
kanye
nomhlaba
2 IMIGAQO SISEKO
Eyona migaqo siseko okanye ingqikelelo esiziqwalaseleyo ekukhetheni oluhlelo lokwenza, zezi
zilandelayo:
xUkunciphisa uncedo oluvela ngaphandle
xUkuzalisekisa ngokobukhulu kwiyanhlukano yangaphakathi
xIngqwalasela kwimpilo yomhlaba kunye nobuchule ekwakhiweni komhlaba ngendalo
x Ukukhathalela okusingqongileyo
xUkuqaphela ukusebenzisa amanzi afumanekayo ngendlela ekuyiyo nenononophela
ngokuphangaleleyo.
xUkusebenza kunye, sifunde kunye siphinde sicwangcise kunye.
Zonke ezi ndlela zokwenza sezike zazanywa kunye namafama asakhasayo eminyakeni emithathu
ukuya kwemine eyedlulileyo. Ngokoke sinesiqiniseko sokuba ziyasebenza, Nani ke siningqwenelela
amathamsanqa nempumelelo nisazozama ezinhlelo.
3 ULAWULO LWAMANZI (LAWULA AMANZI AFUMANEKAYO KWAYE WANDISE INDLELA
YOKUFUMANEKA KWAWO)
3.1 IMISELE YOKUNGENISA AMANZI NGAPHANTSI KOMHLABA (UMSELE OGIJIMISA AMANZI, UMSELE
OPHAMBUKISA AMANZI)
Le yimisele enzulu (Ngeesentimitha ezingamashumi amathathu (30cm) ububanzi, ishumielinesithathu
ukuya emashumini amathathu (15-30 cm) ubunzulu) egrunjwe ukuba ihambise amanzi kwimimandla
ethile (Imisele ephambukayo) okanye ibambise amanzi iphinde iwavumele ukuba ehlele ngaphansi
komhlaba kummandla olinyiweyo (umsele ogijimisa amanzi), kamva agrunjwa kwi khonti.
Ukutyala kungenziwa amimangweni, ngokudibanisa umgquba kunye nokufumisa ummango kunye
nemisele kokubini luluvo olulungileyo.Le misele yandisa ukufikeleleka ukuya, kunye nokufumaneka
kwa manzi ekuveliseni ukutya kanzulu.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwekhulu namashumi amahlanu
yeelilitha ngonyaka (>150mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5oC)
-Impandle: kungaba noma lithambeka elinjani
(elenyukelayo okanye elehlelayo)
-Umhlaba: umhlaba ongumdongwe kumele ubephakathi
kwesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesihlanu (5-
35%), kube ngaphezulu kwetshumi nesihlanu ubunzulu
(>15cm)
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare enye ukuya ku 0.1 ubukhulu bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina, ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe
Umsele ophambukisa
amanzi, wafunyiswa kwaye
utyalwe ubhatata
emman
g
wenii
Ukugrumba umselele ophambukisa amanzi
(kwithambeka elifika kwisihlanu ukwenyukela, kube
ngamatshumi amathathu ububanzi, kwaye
namatshumi amathathu ububanzi, ube umhlaba
ubekelwa n
g
asenhla kwithambeka
e
Ukulungiselela ummango womsele ophambukisa
amanzi ukuze kutyalwe kulungelelene kwaye
kongezwe umgquba
3.2 UMSELE OWEKUKANISIWEYO
Umsele owahlukanisiweyo wenziwa ngomhlaba oqokelelweyo (ingqumba yomhlaba) wakhelwe phezu
kweekhonti nemijelo (engamashumi amane ubunzulu kunye namatshumi amahlanu ububanzi (40cm
ubunzulu kunye 50cm ububanzi) kwicala lokuphumeleni kwethambeka. Umphezulu walengqumba
yomhlaba ulungelelaniselwe ukuba uvumelane nokutyala. Lomsele uhlangabezana namanzi abaleka
phezukomhlaba uwasasaze okanye uwabele ezindaweni ezihluka-hlukeneyo ukunceda ukuba
adontseleke ngaphansi ebunzulwini bomhlaba. Ngokuqhelekileyo, izityalo ezisisigxina (njengemithi
yeziqhamo) zityalwa phakathi kwalemisele.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwekhulu namashumi
amahlanu kugedluli kwiwaka namakhulu amabini
yeelilitha ngonyaka (>150mm <1200/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu
(>5oC)
-Impandle: Kube kuhlanu ukuya kumashumi
amabini anesihlanu (5%-25%)
-Umhlaba: kungaba noma ngumhlaba onjani,
nangona umhlaba onesihlabathi esininzi okanye
onomdongwe omninzi kunzima ukuwulawula
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare enye ukuya ku 0.1 ubukhulu
bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi
indleko/amaxabiso aphansi
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina, ubunzima
busemsebenzini ekumele wenziwe
Ukwakhiwa kwemisele, ukhonjiswe ngentla ubonisa
amanzi ahambayo
Ukugrumba indinyana yomselel
osikiweyo.Apha umhlaba ubekelwa
endaweni engezantsi kommango.
Ukufumisa kuyenzeka kubekwe emseleni kwaye
isivuno sityalelwe ndawo zombini, emseleni
nasodongeni.
Ulungiselelo lweebhedi zemijelo
ngezantsi kwendawo elungiselelwe
ukuphambukisa amanzi abalekayo.
3.3 IMISELE NEMIMMANGO
Imisele eyembiwe kwikhonti kunye nomhlaba obekwe endaweni engaphezulu kodonga. Ukutyala
kwenziwa kulendawo eludonga, nokunkcenkcetshela kuphinde kwenziwe ngaphezulu koludonga,
apho namanzi ahla ngalo ukuya emseleni. Kuyenzeka ukuba kwenziwe amaqhina angqamlezayo
ukuqinisekisa ukunkcenkcetshela okukuko, ukuze amanzi ezohlala afumbeke kulemisele aye
ngokutshona ngaphansi komhlaba. Ukufumisa umhlaba kululuvo oluhle.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwekhulu namashumi
amahlanu yeelilitha ngonyaka
(>150mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu
kwesihlanu (>5oC)
-Impandle: Kube ukuya kwisihlanu (0.5%-5%)
-Umhlaba: kungaba noma ngumhlaba onjani/
zonke iintlobo zomhlaba zilungile
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare enye ukuya ku 0.1 ubukhulu bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina, ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe
Imisele nemimmango esetyenziswe ekulimeni amasimi;
xa uphawula ngasentla lemimmango ibamba amanzi
p
hakathi nemisele.
Igadi yemifuno ibekwe kwenye
yendawo eyenziwe ngemisele
nemimmango; kutyalwe iituma,
iminqatha kunye nespinatshi.
Qaphela ukuba okubonakala
ngaphambili - kwesokudla
kulomfanekiso ngummango.
Igade ekhombisa ukufumisa
imisile etyalwe iitumato.
Kufakwe izikhukhula lwamanzi
emiseleni-okuluhlobo
lokunkcenkcetshela
olusetsenzisiweyo.
Imithi yeziqhamo iyakwazi ukudityaniswa yenziwe ezinye
zeebhedi zokutyala
3.4 IMIMMANGO EDITYANISIWEYO
Le indlela yokwenza yandisa amanzi afumanekayo ezityalweni ngokuqokelela imvula esuka
kumathambeka angalinywanga iphinde iyibambise ngemisele nemimmango. Ukutyala kwenziwa
nokuba kweliphi icala lalemisele apho amanzi asemfimfithe khona. Ithambeka lesisiza kumele lu…….
Iziza zenziwe ngokomba imisele enzulu malunga nocangca lweekhonti eluthambekweni nokwakhiwa
kwemimmango ecaleni elingezantsi kwalemisele. La maqhina akunye ngenxa yalemimmango
engaphantsi kancinane eyenzelwe kwizithuba ezikunye nalemisele.
IIMFUNEKO
-Imvula: ephakathi kwamakhuluamane ukuya
kumakhulu asixhenxe yeelilitha ngonyaka
(400-700mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu
kwesihlanu (>5oC)
-Impandle: Kube ukuya kwisixhenxe (0.5%-
7%)
-Umhlaba: Umhlaba kumele ube
ngozinzileyo. Okunguwona mhlaba
ulungileyo ngulowo onomdongwe okanye
kube ngumhlaba okwaziyo ukungeneka umphezulu wawo ukudlula lowo ongeneka
kancinyana ongaphantsi kwawo
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare enye ukuya ku 0.1 ubukhulu bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina, ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe
Ufumiso emiseleni yegadi ibekwe nemimmango.
Amanzi aqokelelwa emiseleni, ensimini yombona
eyenziwengemimmango.
Indinyana ebekelwe imimmango ityalwe ubhatata, umbona
eFree state.
3.5 IMINGXUMA YOKUTSHONISA AMANZI/YENZIWA NGEZANGQA ZOOBHANANA
Indawo ezikhongozeley ezembiwa emhlabeni ongeneno kwamanzi ahambayo (ukubamba kunye
nokunciphisa isivinini sokubaleka kwamanzi). Eziziza ziye zigcwaliswe ngomgquba okanye izifundisi
(ngobuninzi bazo) sixutywe nomhlaba nababhanana okanye ezinye izithelo ezithanda amanzi ziye
zityalwe kweziziza.
Umahluko wale indlela kukuba umgxunya ngamnye wenbiwe endaweni ebaleka amanzi kwaye
izalisekiswe ngezizivundisi (okuluhlaza okanye umgquba)- kuchula kuhle nokuvundisa. Apha ke
iibhanana okanye ezinye izivuno zityalwa emingqibekweni.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamatshumi amahlanu yeelilitha ngonyaka
(>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5oC)
-Impandle: Kubekunye ukuya kumatshumi amabini anesihlanu (1.5%-25%)
-Umhlaba: kungaba lulo lonke uhlobo lemihlaba (kubesisihlanu ukuya kumatshumi amathathu
epesenti zomdongwe (5-30% clay) kunye nobunzulu obungaphezulu kwamatshumi
amathathu (>30cm)
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi
-Angango 0.1 wehectare ubukhulu bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina, ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe
Iindawana, ezahlulwelwe
ukukhongozela amanzi zingenziwa,
ngokugrunjwa kuphinde kungezwe
umgquba
Isangqa sikabhanana esidityaniswe nohlaza. Isiza esikhongozele amanzi senziwe mayelana nomsele
wokuhambisa amanzi egadini yasekhayeni. Imimmango
edit
y
anisiwe
y
o
y
enziwe Phakathi kwemisele.
3.6 UKUFUMISA
Umhlaba uyagqumathelwa ngeentlobo-ngeentlobo zeentsalela zesivuno okanye umgquba, ukugcina
amanzi, ukunciphisa amaqondoobushushu, kuphinde kwenyuse izinga lomhlaba onempilo
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamatshumi amahlanu yeelilitha ngonyaka
(>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5oC)
-Impandle: Kubekunye ukuya kumatshumi amabini anesihlanu (1.5%-25%)
-Umhlaba: kungaba lulo lonke uhlobo lemihlaba (kubesisihlanu ukuya kumatshumi amathathu
epesenti zomdongwe (5-30% clay) kunye nobunzulu obungaphezulu kwamatshumi
amathathu (>30cm)
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi
-Angango 0.1 wehectare ubukhulu bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina, ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe
Iintsalela zamagqabi zibekelwe ukufumisa
iibhedi zemi
j
elo
Ukufumisa ngomdizaweswekile, neminye
y
emidiza nemidiza e
g
adini
y
emifuno
Uhlaza okanye ingca esetyenziselwe ukufumisa umhlaba eyomileyo.
Intsimi yezolimo lokulondoloza umhlaba
Ukufumisa ngengca ohlelweni lokutyala ngemisele nemimmango.
3.7 IITONELA EZINGUMTHUNZI OWENZEKA NGELAPHU
Imithunzi ebungwevu elinganiselwa kumatshuma amane epesenti (40%) yeetonela zeminatha
ezingange 4.2mx6m obungakanani ukuya kwisibini (2m) ubude zakhiwe kusetyenziswe ‘ikhithi’ kunye
nezixhobo zasekuhlaleni. Iingqiniba ezi zayo zakhiwe ngemibhobho evumela ukugotyiswa- ekhuselwe
ngeentsimbi ngaphandle. Ezingqiniba ziye
zitshoniswe gqo emhlabeni- kubalekiselwa nasiphina
isakhiwo kwaye iminatha yona iye ibekwe
ngaphezulu yembathise okanye igubungele zonke
ezintsimbi. Le tonela iye ibanjwe ngee ankile
amacala omabini
Ingaphakathi letonela liye libe nemijelo yeebhedi
ezintathu 1mx5m kwaye ngayinye ibonelelwa
ngezixhobo zokunkcenkcetshela ngamathontsi
ezenziwa nge emele/ipheyile engamatshumi amabini
eelitha. Kule tonela kwenziwa uhlelo lokulima
olungumxube, kwaye namanzi ayintsila
angasetyenziswa ukunkcenkcetshela.
Ezitonele zilungele/zifaneleke nakweyiphina indawo apho kutyaleka khona, ezibhedi zemijelo
zonazingembelwa zigqibe zibonelelwe nganzi okunkcenkcetshela.
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi
-Kungaba ngu 0.1 weehectare ubukhulu begadi
-Kuneendleko ezifikelelekayo, kufuneka nobuchule, kunye nemfundiso
ezihambisana nabacebisi.
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina
Kumgca wokuqala ngasentla kwesekhohlo ukuya kwesokunene: kusetyenziswa intambo ukuphawula indlela itonela ekumele
ihambe ngayo nekuyona ndawo ekumele ime kuyo; kusetyenziswe neentsimbi ukuphawula imingxuma ezongena iintsimbi
zetonela, ezizophinde zigotywe ziphinde zidityaniswe iingqameko ngendlela zakhona ezifaneleyo.
Emgceni wesibini ngasentla kwesekhohlo ukuya kwesokunene: ‘Ukutyala’ lemigqameko ekulemingxuma ithunga idibanise
iminatha emingqamekweni kumacala omabini ngaphambi kokuba ifakwe ngaphezulu, adontswe iqiniselwe apha eminatheni
itsho ukuyorhawula macala onke ngemva kokuba ifakwe ngaphezulu, kuphinde kubethelelwe iiankeli ngemva kokusukunyiswa
kwetonela, kugqibe kucokisiswe ke indlela umnatha ongene ngayo ukuba ukhusele itonela ndawo zonke. Iminathi erhangqe
apha emazantsi iyembelwa ukwandisa ukhuseleko nokomelela ukumelana nemimoya ebhudlayo.
Umfanekiso wetonela esigqityiwe, yafakelwa iipheyile elingiselelwe
ukunkcenkcetshela, kutyalwe ispinatshi.
3.8 UQOKELELO NOGCINO LWAMANZI
Ngokubanzi, amafama aye
aqokelele amanzi
kwimigqomo, kumagubu
nakooJojo tanki. Oku
akwenzi amanzi aneleyo.
Omatanki embelwe
ngaphansi komhlaba ngawo
akwazi ukugcina amanzi
amaninzi.
La matanki aqokelela amanzi
abalekayo esuka
ekhukhulisekweni
olucwangcisiweyo, asuka
emigwaqweni kunye nasuka
emimmandleni nje eqhelekileyo, ukugcina izixa ezinkulu zamanzi (asukela kumawaka amabini
anesihlanu ukuya kumawaka amane eelitha zamanzi); ekungamanzi anele igadi engangekhulu ukuya
kumakhulu amabini eemitha ubukhulu ezinyange ezine ukuya kwezintandathu.
Ikhona imfuneko yokugrumba imingxunya emikhulu ekwakhelwe kuyo lamatanki -kungaba yakhiwe
ngesamente, iibhloko/izitena zesamente ibuye ityatyekwe nebhitumene.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amane anamatshumi amahlanu yeelilitha ngonyaka
(>340mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5oC)
-Impandle: Kubekunye ukuya kumatshumi amabini anesihlanu (1.5%-25%)Umhlaba: kungaba
lulo lonke uhlobo lemihlaba (kubesisihlanu ukuya kumatshumi amathathu epesenti
zomdongwe (5-30% clay) kunye nobunzulu obungaphezulu kwamatshumi amathathu
(>30cm)
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi
-Elinganiselwa <0.1; 0.1-1; ukuya ku 2 wehectare ubukhulu bendawo
-Amaxabiso okwenza oku aphezulu kwaye nomsebenzi okumele wenziwe ekwenzeni
ezizakhiwo zokugcina amanzi mninzi
-Kufuneka amanqanaba aphezulu obuchule nolwazi (ingxaso yangaphandle kunye noqeqesho
luyafunek ukuqala lomsebenzi)Kunobunzinyana nemizamo efunekayo ukukugcina lamatanki.
Amanzi kumele akhutshwe ngee emele okanye ipheyile, okanye ampontshwe. Intlenga
ifanele ukukhethwa isuswe imihla ngemihla
Iindlela zasekuhlaleni zokuqokelela uphinde ugcine amanzi, yenziwa eLimpopo; Izikhongozeli
zamanzi, amakhulu amabini anetshumi leelilitha zamagubu; iwaka leelilitha zezikhongozeli kunye
nooJoJo tanki. Ezi zibamba amanzi amancin
y
ane.
Itanki elenzelwe ngaphansi komhlaba
lanyuswa ngodonga olusamentiweyo
Umzekelo wetanki eyembelweyo
(engamatshumi asibhozo eemitha
(18m3), ebekelwe uphahla olusukayo
ukwenzela ukhuseleko.
Ugibe wokukhusela umhlaba
nenhlenga kwitanki eyembelwe
ngaphantsi komhlaba elinganiselwa
kumawaka amabini anesihlanu
eelilitha, ukunciphisa intlenga
eyehlela emanzini agciniweyo.
Itanki esigqityiwe eyenziwe ngodonga
lwezitena, yagqunyathelwa ngophahla
ukukhusela.
3.9 UQOKELELO NOGCINO LWAMANZI; NGAMA
TANKI (OOJJOJO-TANKI)
OoJojo tanki bangasetyenziselwa ukuqokelela
amanzi emvula asuka eluphahleni (isiqhelo,
isilinganiso sawo kuye kube ngamawaka amabini
anamakhulu amahlanu ukuya kumawaka
amahlanu eelitha). Kubalulekile futhi ukuqinisekisa
ukuba igathala okanye imibhobho yokudlulisa
amanzi ifakwe ngendlela.
Kunokwenzeka ukuba kusetyenziswe ooJojo tanki
abembelwe ngokungagqibelelanga njengenye
yendlela yokuqokelela amanzi asuka ngasenhla
kwethambeka. Koluhlobo lokwenza, amatanki
angongliwa ngamanzi aitsalekelayo ngaphandle
kokumpontswa okanye ukuthuthelwa ngee- emele
Futhi ke, kuyenzeka uzikhethele ukusebenzisa
ooJojo tanki abembelweyo, kodwa ke kweli ityelo kufuneka bomelezwe. Oku kulula kakhulu
kunokwakhiwe kweetanki.
Impompo yokumfimfitha amanzi eyenzelwe
ekhaya engasetyenziswa ukufumana
amanzi kumatanki akhelwe ngaphantsi
komhlaba.
Imibhobho neegatharingi zendlu zibalulekile ukuqokelela amanzi endlu
xa kusetyenziswa ooJoJo tanki.
Amatanki embelwe naphantsi komhlaba ukufumana
kuphinde kugcinwe amanzi asuka kumathambeka.OoJoJo tanki abambelwe ngaphansi komhlaba ukuze
kugcinwe amanzi.
Itafile engentla ikhombisa isixa samanzi angakwazi akulobeka
a
g
cineke kwimizi.
3.10 AMADAMA AMANCINYANA
Lamadama amancinyane uyakwazi ukuba embelwe phansi apho akwazi khona ukubamba amanzi
(angaphezulu kwamatshumi amabani anesihlanu omdongwe /okuzii 25%). Adle ngokuphulukana ke
noko namanzi kwaye akwazi ukuhlala engcwele nje okwethutyana, kodwa abonelela ngenani
eliphezulu kakhulu lwamanzi eziphandlekeni zomhlaba kulowo mmandla. Ngokuqhelekileyo, aye
embelwe ezindawe apho intlakohlaza ingakwazi khona ukuba ihlale iwagcwalisa mihla-ngemihla,
okanye apho amanzi ahambe phezu komhlaba nagijimayo axhaphakileyo.
Kunokwenzeka ukuba kukeliswe lamadanyana/amachibi neeplastiki, kodwa kuphela xa kukhona
ithuba elifanelekileyo lokuba azohlala egcwele, ngokuba iiplastiki zibola kalula elangeni.
Kunokwenzeka futhi ukuba kukeliswe lamadanyana nohlobo thizeni lomdongwe okwazi
ukuukulitywina, futhi kuphela xa ichibi kusenzeka ukuba lihlale lizele ngamanzi ngamaxesha
amaninzi.
Ngasentla, yimizekelisa emithathu yamadanyana okanye amachibi agrunjwe emhlabathini onako ukubamba amanzi angaphezulu
kwamatshumi amabini enesihlanu amaphesenti omdongwe- (>25%)ukuqinisekisa.clay. Ngakwesokudla kuboniswe idama elikhulu
elondliwa ngamanzi omthombo ongasentla kwethambeka. Umfanekiso osembindini kuboniswa idama elondliwa ngamanzi adontswa
ngemibhobho esusela amlanjeni.
Ichibi elincinyane elenziwe laqondiswa ngomdongwe (udongwe
olububhelu ngaphakathi kwechibi), lagqiba lazaliswa ngamanzi.
Phawula ikona yodonga lwechibi, ukuba livemela ebhentonathi
(bentonite) ukuba incanyathiselwe yatywinwa emacaleni,
nasezantsi kwechibi.
Ichibinyana alembelwe egadini yesekuhlaleni luluntu lwendawo,
londliwa ngamanzi abaleka ngaphezu komhlaba, asuka
emigaqweni, alungelelaniswe ngeplastiki.
3.11 AMANZI AFIKELELEKAYO
Ulawulo, kunye nophihlisa lwemithombo yamanzi asekuhlaleni, nohlaziyo loba afikelele ezindaweni
zasekuhlaleni kunye nasezigadini yinto enokwenzeka kwindawe zethu ezincinane zasekuhlaleni:
-Amaqela enqanaba lasekuhlaneni asebenza kunye ukuvumelana ngabo banokuthi babandakaanyeke
(abantu ababeqiyo kumashumi amabini), abantu abazoingeka ukuba babandakanyeke ngokusebenza
kwezolimo baphinde babakufutshane nabanye.
-Baya bachonge umthombo wamanzi wasekuhlaleni, onamanzi angapheliyo okanye umthomo onamanzi
adonseka ukusuka ngaphansi komhlaba, baphinde balungise indlela abasebenzisa ngayo owo
mthombo, ngokumanyana nabasemagunyeni kuleyondawo.
-Emva koko kwenziwa inkqubo yokubonelela ngetanki eyintloko ekuyiyo ezogcwala ngamanzi avela
emthombeni, emva koko kuhlaziywa indlela yokuhambise amanzi kumzi ngomzi kunye negadi zabalimi
ababandakenyekayo kulentlelo.
-Ikomiti eyenzelwe oluhlelo iye yenze iphinde iphumeze imithetho nemigaqo sisekelo yokusebenzisa
lwamanzi kumzi ngamnye iphinde ilawule yonke into efunisa imali zokugcina oluhlelo lusesimeni
esilungileyo.
-Wonke amalunga alindeleke ukuba anikele futhi azibandakanye kuyo yonke imeko efunisa imali kunye
nemisebenzi enzima yezandla emalunga nokuphumeza lenkqubo kusekela ekufakelweni/ekuqaleni.
-Wonke amalungelo nemvume ezisuka kwabasemagunyeni ukugunyazisa lenkqubo kufanele ukuba
zenziwe kunye namalungiselelo okugcina oluhlelo lusebenza, lusesimeni esihle.
IMFUNEKO:
-Imvulal: kufanele ibengaphezulu kweshumi elinantlanu eemitha ngonyaka
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Ubume bendawo: Kungaba noma lithambeka elinjani
-Umhlaba: lonke uhlobo
-Umthombo wamanzi; amanzi aphantsi kohlaba.
UPHUNYEZO:
-Imizi kunye neegadi ezingaphansi kuka-0.1 weehekthara (<0,1ha)
-Amaxabiso aphezulu, kwaye kusetyenziswa izixhobo zangaphandle nezasekuhlaleni
-Iyasebenzisa kakhulu, kwaye ifuna izakhono ezinzulu, uqeqesho lwabahlali, kunye nenkxaso
kwezobuchwephetshe.
Umzekelo wetanki eyintloko
esuka kwimvelaphi yomthombo
ethelela emizi engaphansi
kohlelo.
Umzekelo womnye wemizi
oxhunyiweyo ukufumana amanzi.
Lemigqomo inxibelelaniswe yaphinde
yaxhunyaniswa ne valuva edadayo
ukuqinisekisa ukuba amanzi ayama
ukungena xa imigqomo sele izele
ngamanzi
Ukubholwa kwequla (boreholes) kunye
nokufakelwa kwemibhobho ehambisa amanzi
kwitanki eyintloko ebasekhayeni.
Umthombo owembelwe ukwenza idamu. Ukukhuselwa komthombo kubandakanya ukugqunyathelwa kwemibhobho emiseleni
eyembelwe eyembelwe ngaphansi kwedama ephinde yembozwe ngotyando (gravel),umnatha womthunzi kunye nomhlaba, ukuze
ukhuseleke. Ngoluhlobo umthombo uyakhuseleka, ngaphandle kwezakhiwo ezinzulu.
3.12 Ulawulolwamanzi amdaka
Amanzi amdaka ngamanzi asetyenziselwa ukuhlamba emakhayeni (impahla, izitya, kunya nabantu)
kodwa akawafaki amanzi amnyama (amanzi angasese, amanzi ogutyulo) Amanzi amdaka
asetyenziswayo agcwele isepha yeentlobo ngeentlobo. Ubungozi bokusebenzisa oluhlelo
kukungcoliseka kwezilwane, ukonakala kwe-nitrogini (i-nitrification) yesepha kunye nokuqhekeka
komphezulu womhlaba apho lwamanzi asetyenziswa khona rhoqo. Ulawulo ekusetyenzisweni
kwalamanzi ngendlela kunye nasekuchithweni kwawo kubalulekile. Ikakhulu oku kuquka
ukusebenzisa uthuthu kunye nezinye izinto. Ezifana nembewu yemoringa, ukudibanisa kunye
nokugquma enye yesepha, kunye nohlelo lokunkcenkcetshela oluphephisa lwamanzi amdaka ukuba
adibane namagqabi ezityalo.
Iindlela ezintathu zokusebenzisa amanzi amadaka zichazwe ngezansi:
1. Ikiti zokwenza iipheyile zilungele ukunkcenkcetshela ngamaconsi
Ezi zee zindlela zokungcengcetshela ngamaconsi ezencelwa umntu ngamnye, ziba yimitha enye (1m)
ukuvuleka, zibe ziimitha ezintlanu ubude (5m) kunye neepheyile ezingamashumi amabini eelitha
(20L). Lekiti yokunkcenkcetshela iye iqokelelwe idityaniswe kwindawo yokulima ukuze ukwazi
ukuzenzela iintambo zakho zokuconsisa amanzi okunkcenkcetshela, ukhethe ububanzi bemigca
kunye nezithuba zokukhupha amanzi ngamaconsi. Ixesha elininzi kuye kusetyenziswe imigca emibini
yezinnkconkcozisi, ezilingana namashumi amathathu ukwehlukana. Ukunkcenkcetshela kwenziwa
nsuku zonke.
Ezipheyile zingaphinde zifakwe Isanti ukuhluza intlenga nokungcola kulamanzi amdaka ukuwenza
alungele ukunkcenkcetshela. Kwelinqanaba, umda okanye uluhlu lwegrabile lubekwa ezansi
kwipheyile, kulandele umda wesanti yomfula ecocekileyo. Isanti ifakwa ngaphakathi esakeni le-muslin
ukuthintela ukuxubana xa ipheyile seyifakwe amanzi. Ezi zihluzo zidinga ukutshintswa kufakwe
ezinye amaxesha ngamaxesha njengoba izinga lokubaleka kwamanzi kwezipheyile liye liqale
lehle.Imibhobho yokunkcenkcetshela nayo idinga ukucocwa ngokuvulwa umva kuvunyelwe amanzi
ahambe ahlambe aphinde agugule yonke into intlenga evalileyo.
Umaleko we
g
rabile n
g
aphansi ebhe
y
ileni
Isanti ibekwe kwingxowa yemislin evaliweyo
ngaphezukwegrabile ukuthintela ukuba
iguguliseke iyovala imigqobho
y
okunkcenkcetshela. Izangqa ezimanziswe luhlelo
lokunkcenkcetshela
Umzekeo womgca
wokunkcenkcetshela ongamashumi
amathathu eemitha ukwahlukana
Amanzi amdaka kwipheyile
yokunkcenkcetshela
ngamachaphaza.
Kokubini igraveli nesanti ziyacocwa ngaphambi
kokusetyenziswa, ukuthintela ukungcola
nokuxineka kohlelo lokuhamba kwamanzi
Lomfanekiso ongezansi ubonisa indlela le kiti yohlelo lokunkcenkcetshel ngamachaphaza olwenziwa
ngayo:
Umbhobho uye uvalwe
ngokugotywa
n
g
aseku
gq
ibeleni.
Imigca yokunkcenkcetshela emibini,
elinganiselwa kumashumi amathathu
ukwehlukana adityaniswe nombhobho
owehlela ngezansi.
Iqela lomama lifunda indlela yokwenza uhlelo
lokunkcenkcetshela ngamaconsi.
Kuye kwenziwe imigqobho kwindawo zokuconsisa amanzi
kulemibhobho, macala onke, kufakwe iqhina leplastiki
ukwakha ezinkcenkcetsheli zamaconsi
(
“dri
pp
ers”
)
Umgqobho omncinane wenziwa emazansi kwipheyile
engamashumi amabini eelitha apho kuzofakwa khon
umbhobho nengqiniba yokuzidibanisa nombhobho
owehlayo.
Ipheyile ibekwa endawi eqethukileyo kufakwe lombhobho
ubheke phansi ukuqinisekisa ukuba amanzi ayakwazi
ukwehlela kwimigqobho yokunkcenkcetshela.
Xa sele wenziwe, uhlelo kuyavavanywa
ukuqinisekisa ukuba amanzi aphuma ngendlela
efanayo na kwaye yonke imigqobho
iyawakhupha ngokulinganayo.
2. Izitiya zenqaba (tower gardens)
Ezitiya zakhiwe ukusuka phansi ukwenyuka kusetyenziswa izibonda ezine ziphinde zirhangqwe
ngendwangu yomthunzi olinganiselwa kumaphesenti angamashumi asibhozo. Maphakathi nendawo
apho kukho ezibhedi zokutyala, kwakhiwe umqolo wamatye unyuke kusetyenziswa ipheyile
engenawo amazansi. Ibhedi igcwaliswa ngomxube owenziwe ngaphambile kokuba kuqalwe
(womhlaba ongange 1/3, umanyola 1/3 umthuthu 1/3 (kudingeka umthuthu omninzi ukucoca amanzi
amdaka)). Umigqobho emincinane iyenzima emacaleni kwalamasaka, kutyalwe izithole
kuleyomigqobho zinyuseke, ngokuqhelekileyo, isipinatshi okanye eminye imifuno enamagqabi.
Umphezulu webhedi zokutyala, ungasetyenziselwa ezinye izityalo-itutamatisi balungile ngjengoba
bekwazi ukuba babanjwe ngezibonda. Ezibhedi zinkcenkcetshelwa ngokuba kuthekwe amanzi
amdaka ngaphezulu kwamatye phakathi nendawo.
UPHUNYEZO
-Ulawulo lwamanzi amdaka
- Isitiya
-Ihektare ezingaphansi kuka 0.1 (<0,1ha)
-Amaxabiso aphansi ukuya phakathi nendawo, kukhona ukufunda nokucetyiswa,
kusetyenziswa izixhoba zasekuhlaleni.
-Kulula ukuyigcina, kodwa amasaka adinga ukutshintshwa ngemva kweminyaka emithathu
ukuya kwemihlanu rhoqo.
3.
Ukwenza umhlaba, ngomxube
womanyolo nomgquba,
nomthuthu ozogcwaliswa
kwiibhedi zokutyala egadini
Ukwenziwa kweekholamu zamatye– kukhona ipheyile
encinci engenamphansi phakathi nendawo
Ukwakha inqaba (tower)-
igcwaliswe ngomxube
womhlaba ojikeleze ilitye
lekholamu ukwen
y
uka
Ukwenziwa kwemigqobho emincinane
emacaleni en
g
xowa kwenzelwa ukut
y
ala izithole
Ukunkcenkcetshela kwikholamu yelitye
e
p
hakathi nendawo
Inqaba yokulimam (tower)
eseyindala ilinywe ispinatshi,
ikale, itswele lasentwasantlobo
kunye nemarigolds.
3. Iibhedi zokutyala ezinemingxunya engundoqo
Ezi ziibhedi zokutyala ezakhelwe phezulu kanzulu ezinebhasikiti/ipheyile ephakathi nendawo
enezivundisi ekuyeyokunkcenkcetshela nako ukusebenzisa amanzi amdaka. Kulula ukuzilawula.
Ibhedi yokutyala isissangqa (esingangeesentimitha ezintathu) ezine-keyhole kwicala elithukileyo
kuleyo ndawo, ekuyiyo encedisa ekutholakaleni lepheyile enomgquba nezivundisi kunye
nokunkcenkcetshela okuqhubekayo. Iindonga zakhiwa zibe ngamashumi amathandathu ukuya
kwasibhozo eesentimitha (60cm-80cm) ubude kunye nebhedi egcwaliswe ngomxube womhlaba
olungiswe ngaphambi kokusetyenziswa, umgquba/umanyolo (kungaba ngamashumi amabini
amapesenti isandi-20%) kunye nomthuthu. Ikalika kunye namathambo enyama angafakwa nawo.
Ibhedi ityalwa ngezityalo ezahlukeneyi ezahlukaniswe ngeziqephu apho ziye zijikeleziswe khona.
UPHUNYEZO
- Isitiya
-Ihektare ezingaphansi kuka 0.1 (<0,1ha)
-Amaxabiso aphansi, kungeka ukufunda nokucetyiswa okuphakathi nendawo, kusetyenziswa
izixhoba zasekuhlaleni (amatye alinganiselwa kumakhulu amahlanu ukuya kwasibhoza (500-
800kg) ayafuneka kodwa angatholakala kalula)
- Kulula ukuyigcina
Ibhedi ye- keyhole igqiba kwakhiwa, nansi ikholamu
ephakathi nendawo yegrabile okanye amatye amanncinci
ngaphakathi kwebhedi – ngaphandle kwepheyile
enomgquba.
Umzobo obonisa ibhedi ye-keyhole ibonisa umphezulu
phakathi kukho ipheyile enomgquba ihlukaniswe kune
ngokokujikeleziswa kwezityalo (iziqhamo-amagqabi-
iingcambu-imidumba)
Ibhedi ye-keyhole eseyindala ityalwe umxube wezityalo
3.13 UHLUMISO LWENGCA ENDAWENI ZAMANZI
Ukuhlunyiswa kwengca endaweni zamanzi kubanzi, kuphinde kube kufutshane kwaye kunemijelo
emilise okwesosala kuyilelwe ukuhambisa amanzi ngaphezu komhlaba anqamleze umhlaba
ekulinywa kuwo ngaphandle kokubanga ukhukhuliseko mhlaba. Le mijelo iphinde isetyenziselwe
ukhuseleko lwamanzi abaleka kakhulu asuka endaweno zolimo ukuyothso kwimibhobho
yokuphumeza amanzi efana nemilambo okanye imilanjana.
xUkhuliso lwezityalo ezegquma indlela ehamba amanzi icothisa ukuhamba kwamanzi iphinde
ikhusele umjelo kuxinzelelo lwezikhukhulisi zamanzi abalekayo.
xUkutyalwa kwengca yonyaka wonke ekuquka kuyo i-Paspalum, iFescue, iKikuyi kunye
nengca ye-couch kukona kungcono kunokutyala ingca ende ukuya phezulu, etyalwa
unyakawonke.
xEnza icandelo elinqamlezileyo lokudlulisa amanzi lingaba kumila kwe-trapezoidal okanye i-
parabolic, kodwa kuye kuqinisekiswe ukuba ayenziwa ibe kumila ku-V kwaye nendlela
yokuhamba amanzi noko kumele iqale kumashumi amathathu ukuya kwamane eesentimitha
ubunzulu, kunye nethambeka lamacala ekumele lingaqethuki kangangokunye ukuya kokune.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu
amane anamashumi amahlanu
eelilitha ngonyaka (>450mm/year)
- Amaqondo obushushu:
angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
- Impandle: elilinganiswa ku-1.5
ukuya kumashumi amabini
anesihlanu (1.5%-25%)
- Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba
lukulungele (ongxenye inomdongwe
olinganiselwa kwisihlanu ukuya kumashumi amathathu enesihlanu epesenti) (5-35%), kunye
nangaphezulu kwamashumi amathathu ubunzulu (>30cm)
UPHUNYEZO
- Amasimi
-Iihekthare eziphakathi kuka 0.1 ukuya kwenye, nangaphezulu (0.1-1ha, >1ha)
-Iindleko ziphantsi, kunye nezixhobo zasekuhlleni
Izakhiwe ze-Parabolic okanye i-trapezoidal zizona zikulungeleyo
ukutyalwla kwengca ezindaweni zokuhamba amanzi. Qaphela imida
isecaleni kweqethuka elisentsheleni. (Isuselwe ku-Michigan state
Universit
y,
(
MSU Extension 2015
)
.
Ekhohlo: Ukhukhuliseko olubangelwe ngamanzi
abalekayo ensimini yengqolowa (isuselwe ku-MSU
Extension
,
2015
)
Kuseyintsimi enye nekwesokhohlo sekutyalwe ingca
endleleni yamanzi ngemva kweminyaka embalwa (isuselwe
ku-MSU Extension, 2015)
i-Paspalum (ingca ye-Bahia)
yeyona ilungele ukwenza ezindlela
zokuhamba amanzi–ilushica kwaye
iyamelana nembalela
i-Tall Fescue yona ihlala iluhlaza
ubusika bonke.
Ingca ye-Couch (Elymus repens), ithathwa
njengokhula, emhlabeni otyalwayo kodwa
ikhula kakuhle nakumhlaba ongekho
kumgangatho kwaye ibonelela
ngokugqumathela indawo ebaleka
amanzi.
4 ULAWULO LOMHLABA (UKULAWULWA KOKHUKHULISEKO, UKUCHUMA KOMHLABA,
KUNYE NEMPILO YOMHLABA)
4.1 AMATYE AKRELISIWEYO/ AYINGQUMBA
Lamatye akrelisiweyo aye apakishwe kumathambeka ukulawula ukuhamba kwamanzi iphinde
ibonelele kancinyane ekwakheni umhlaba kunye nesihlabathi ngemva kwaleyo migca yamatye.
Amatye aqunjaniswa kumsele omfutshane kwaye amatye amakhulu wona aqokelelwa kwithambeka
elingezantsi kwamatye amancinane ukuthintela uqhekeko lwamatye akreliswe emancinane kunye
futhi nokuvumela ukuhamba kwamanzi acothayo edlula kulamatye. Utyalo lungenziwa ngezantsi
kolukrozo lwamatye njengoba amanzi amaninzi ehlanganela ande khona, okanye nje ngasentla
kolukrozo lwamatye apho kuqokelane khona isihlabathi nomhlaba.
IIMFANEKO
- Imvula: engaphezulu kwekhulu namashumi amahlanu
yeelilitha ngonyaka (>150mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5oC)
-Impandle: 0,5%-5% (ingadluli kwisihlanu)
-Umhlaba: kungaba noma ngumhlaba onjani – apho
amatye atholakala kalula khona.
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare engaphantsi kuka 0.1 ubuncinyane nangaphezulu kwesibini ubukhulu
bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi
- Ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe
Ukrozo lwamatye enzelwe kwikhonto futhi angenzelwa
kulo naliphi na inqanaba .
Imbonakalo ekhombisa amatye aqumbaniselwe
kumsele onamatye amakhulu ditch kwithambeka
elingezantsi kwamatye amancinane.
Ukrozo lwamatye amancinane
asetyenziselwe ukulawula amanzi
abaleka ezindleleni iphinde
ikhokhele amanzi ukya ezigadini
uBrinjolo otyalwe kulomhlaba
nesihlabathi esiqokeleleke
ngentla kwamatye
alun
g
elelaniswe ne
g
adi .
Oobhanana abatyalwe ngezantsi
kwamat
y
e acwan
g
cisiwe
y
o.
4.2 AMADAMA AMISELWEYO
La ngamadama amancinane, ngamanye amaxesha aba ngawethutyana, amadama akhelwe
anqamleza ngqo kumsele okanye kwindlela yamanzi ukumelana nokhukhuliseko ngokuthi
kunciphiswe isivinini sokuhamba kwamanzi kuphinde kuvumele uzinzo lwesihlabathi. Izixhobo
ezahlukeneyo zingasetyenziswa kuquka umhlaba, amatye, iinkuni, okanye imifuno. Amatye okanye
ezinye izixhobo, zibotshelwa kwithambeka, kwikhonto, ukunciphisa ukhukhuliseko olubangelwa
ngamanzi abaleka ngaphezu komhlaba. Iziphumo kuyoba kukwakheka kweginqinyana zomhlabathi
ovundileyo wokutyala.
La madama “Check dams” ixesha elininzi aye ebekwe anqamleze la migca emfimfitha amanzi apho
kuhamba khona amanzi xa kunethile, kodwa angahambi qhoqhoqho. Aphinde abeke anqamleze
malunga nendonga ezigugulisekayo, kodwa akahambi ngokusisigxina. Aphinde futhi abekelwe
anqamleze indawo eneendonga ezenziwe lukhukhuliseko. Asebenza kakuhle ukuzinzisa amigwaqo
okanye indawo apho kunqamla khona. Kumele kusetyenziswe amatye axandileyo, kunamatye
azingqukuva kwaye amazansi kumele abengamashumi amathathu ukuya kwamathandathu
esentimitha ububanzi (30cm- 60m) kwaye kubesisihlanu ukuya kwisithandathu isisindo(5-9kg). Kube
ngalawo amancinyane ngaphezulu kunye nembumba yamatye alishumi elinesihlanu ukuya
kwamabini anambini (15cm-22cm). Ekulona cebo
kukubekwa kwalamadama akroze ukusukela ezansi
ukuyoma phezulu, apho inqanaba lethambeka
elisisinyuko liqokelela khona isihlabathi kunye nomhlaba
ongemva kwedama ngalinye wandele ukuyofika
ekupheleni komfula ongezansi welidama apho linyukela
khona.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwekhulu namashumi amahlanu yeelilitha ngonyaka (>150mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: kungaba ngu 1,5% ukuya kumashumi amini anesihlanu (25%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele– apho amatye neembokodo zitholakala kalula
khona.
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Ibengu 0.1 nangaphansi ubuncinane bee hectare
ukuye kwezingaphezulu kwesibini (<0,1ha, 0,1-
1ha, >2ha).
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi
indleko/amaxabiso aphansi
-Ubunzima obuninzi busemsebenzini ekumele
wenziwe.
Umboniso weendonga zisenzeka ensimini
Ukwembiwa kwemisele
ezofakelwa ematyeni kwenzelwa
idama.
Isiqalelo sokupakishela elidama. Amtye amakhulu
eqo
k
e
l
e
lw
e
n
gap
h
a
n
s
i.
Umzekeliso wedama eseligqityiwe eline
elinedonga le apron ngaphansi kwaye
isimiselo sesakhiwo sooBhannana
siyabonakala.
4.3 AMATHAMBEKA
Ithambeka ngumcu womhlaba oqondileyo owakhelwe kwikhonto zethambeka elisisenyuko kwaye
ixhaswe ngumhlaba okanye igqumba yamatye okanye imiqolo yamavili amadala. Ithambeka lidala
indawo ethe tyaba yokutyala iphinde izinzise ithambeka elesisenyuko okungenzeka ngenye indlela
kuqethuke kakhulu ukuba kungasetyenziselwa imveliso. Ukrozo lwala mathambeka lungadala into
esakumila kwamanyathelo ekwaziyo ukunciphisa ukubaleka kwamanzi, yandise ukutshona kwamanzi
emhlabathini, kwaye iphinde incedise ukulawula uguguliseko
mhlaba. Amathambeka akhiwa ezindaweni eziqethuke kakhulu.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi
amahlanu eelilitha ngonyaka (>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu
(>5°C)
-Impandle: elisukela eshumini ukuya kumashumi
amane (10%-40%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele– apho
amatye neembokodo zitholakala kalula khona.
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare enye ukuya ku 0.1 ubukhulu bendawo
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi
indleko/amaxabiso aphansi
-Kulula ukuqonda wenze nokukugcina, ubunzima
busemsebenzini ekumele wenziwe.
Amatye ethambeka enzelwe uba kulimeke amasimi.
Amathambeka angenziwa futhi kusetynziswa amavili
amadala ezindaweni apho amatye anqabileyo.
Umboniso wethambeka eliqethukileyo apho kwenziwe khona
ithambeka elilungele imveliso yombona kulingana namashumi
amabini kwamaphesenti ukuqethuka kwethambeka (20%).Umboniso wethambeka elisezingeni legadi kwithambeka
eli
q
ethuke kan
g
an
g
amashumi amane
(
~40% slo
p
e
)
.
4.4 IKUPHUCULWA KOKUVUNDISWA KOMHLABA
Ukuphucula ukuvunda komhlaba kubaluleke kuwo wonke amanqanaba okusebenza ngalomxholo.
Iindlela zokwenza ziquka ezi:
- Ukwandisa umgquba; ukuphucula umgangatho womgquba ngokuqokelela umgquba
wasesibayeni oqulethe umchamo; apho ingca okanye iindiza zisetyenziselwa ukwendlalwa
ziphinde zifunjwe ukuya phezulu kuphinde kogqunywe eyomfumba ngengca okanye
amaplastiki. Oku kugcinwa kangenensku ezintlanu ukuya kwezisixhenxe phambi kokuba
kusetyenziswe.
- Ukwengeza isivundiso; umaleko wezinto ezomileyo, izinto eziluhlaza, umgquba kunye
nomhlaba owakhelweyo waphinde wamanziswa kakuhle.
- Iintsalela zesivuno; (kusukela kwizityalo, iingca, izityalo ezinemidumba, iibrassicas nama
iichenopods) kunye,
- Nesigquma mhlaba esenziwe sanzulu okanye sigqunywe ngamashithi.
Ukufumana umthombo wezivundisi mhlaba ezinamazinga aphezulu ezondlo eziyimfuneko ezinjenge
nitrojini kunye nekhabhoni kubalulekile. Ezinye Zeensalela zesivuno kunye nemigquba nazo
ziqukethe izinga eliphezulu leezimpawu ezisemqoka zeenyutriyenti eziluhlobo lwe poteziyam
(comfrey) kunye nesilikhoni (stinging nettle).
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu nangaphansi kwewaka
elimakhulu amabilni eelilitha ngonyaka (>350mm <1200/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elisukela kwisihlanu ukuya kumashumi amabini anesihlanu (5%-25%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele– nangona umhlaba osisihlabathi kakhulu
okanye ongumdongwe kakhulu kulukhuni ukuwulawula.
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare engaphansi
kuka 0.1 ukuya kwenye
nangaphezulu kwezimbini
ubukhulu bendawo (<0,1ha, 0,1-1ha, >2ha).
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi-
-Ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Ibhokhwe kunye nengca
ebekelweyo ukuphucula manyolo.
Imfumba yesivundiso senzewe ngokwelekwa kweensalela zesivuno ezomileyo neziseluhlaza.
Umgquba kunye nomhlaba omanziswe kakuhle wagqiba wogqunywa.
iComfrey, iinstalela zengca, zombona kanye nomxube osakhulayo wezityalo (ujongilanga, iimillet kanye nemdumba weDolichos)
4.5 UKUTYALA IMIDUMBA KUNYE NOMANYOLA WOHLAZA
Imidumba ibalulekile, njengoba iphinde ilungise initrogen esuka emoyeni iphinde iphucule ukuchuma
komhlaba kunye nempilo yomhlaba ukulungiselela isivuno esisendaweni kunye nesiyakubakhona.
Ziyakwazi ukutyaleka kunye nezinye izityalo ndawonye okanye zijikeleziswe. Umzekelo wemidumba
elunga kwelifudumeleyo ixesha lonyaka iquka intlobo-ntlobo zembotyi: imbotyi eneswekile (sugar
beans), imbotyi enabayo (runner beans), ii-ertyisi (cowpea), (Jugo beans), iinqoba (ground nuts),
(lablab), (velvet beans), iilentile, lusini (lucerne), ujongilanga (sun hemp). Umzekelo wemidumba
elungele ixesha lonyaka elipholileyo aquka; ii-ertyisi (peas), imbotyi ezixandayo (broad beans), ivetshi
(vetch), kunye nefula (clover).
Umanyola wohlaza uye utyalelwe ukuba uxutywe ugqumathelwe emhlabeni, nje phambi kokuba
udubule oko kwandisa izondlo (eziquka unitrojini) ezingengezwa emhlabathini ukulungiselela izityalo
ezifana nezi zilandelayo. Umanyola wohlaza ixesha elininzi uye wenziwe ngemiduba (aquka ivetshi
nefula), iinkozo kunye nengca (ezifana nehabile emnyama kunye nefula yesityalo esifana
nengqolowa), imihlobo ethile yemifuno (brassicas) (efana nefula lomfuno othile onegaqa
eliqhwethayo, iiteniphu, mastadi kunye nekhanola) kunye nezityalo zohlaza ezifana nokhula
ezinevumbana elithile (chenopods) (kuquka kuzo i-amarantasi) (Amaranthus).
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu nangaphansi kwewaka
elimakhulu amabilni eelilitha ngonyaka (>350mm <1200/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elisukela kwisihlanu ukuya kumashumi amabini anesihlanu (5%-25%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele– nangona umhlaba osisihlabathi kakhulu
okanye ongumdongwe kakhulu kulukhuni ukuwulawula.
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare engaphansi kuka 0.1 ukuya kwenye nangaphezulu kwezimbini ubukhulu
bendawo (<0,1ha, 0,1-1ha, >2ha).
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi-
-Ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Iertyisi ethile ityalwe
ngokudibanisa kunye nombona.
Imidumba yedolitshosi engu lebu-
lebu (Dolichos (lab-Lab)) yeembotyi
ityalelwa umanyola wohlaza
njengesityalo sokukhusela ityalwe
ngokujikeleziswa nombona
Umanyola wohlaza osisityalo sokukhusela,
kwixesha lonyakaelibandayo- ihabile ye-
Saia, ifula lesityalo esifana nengqolowa
(rye) kunye nefula lomfuno othile onegaqa
Imbot
y
i enaba
y
o
,
i-amarantasi
,
iluseni kun
y
e nefula elibovu.
4.6 IMISELE YEBHEDI ZOKUTYALA
Ezi ziibhedi zegadi ezinzulu, ezembelweyo zaphinde zazalisekiswa zagqunyathelwa zezinto
zokuvundisa ezicholwe endawe yazo
- Ibhedi yembiwa ibe ngamashumi asithandathu ukuya kwasibhozo eesentimitha (60-80cm)
ubunzulu, kungaba yimitha enye (1m) ububanzi kanye nokusukela kwimitha enye ukuza
kwezilishumi (1-10m) ubude.
- Izalisekisiwe zintlobo-ntlobo zezichumisi, umgquba, izinto ezomileyo, umanyola wohlaza
kunye nomhlabathi.
- Omnye umeleko ungadibanisa iitoti ngaphansi ukwenzela i-ayoni kunye nokubamba amanzi
- Amathambo, izikhumba kunye neentsiba zingafakwe ukwenza isichumiso sika fosforasi (P).
- Uthuthu nalo lungengezwa ukwenzela ipotaziyam (K)
- Ibhedi yakhiwa iphakame ibe sisigingqinyana, elityaliweyo saphinde safulelwa ngesogquma
mhlaba okanye isigcina kufuma emhlabeni.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu eelilitha ngonyaka
(>350mm <1200/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elilinganiswa ku-0.5 ukuya kwisihlanu (>0.5%-5%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi
-Angange hectare engaphansi kuka 0.1 (<0,1ha),
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi-
-Kulula ukwenza nokugcina lomsebenzi, kepha ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Imisele yembiwa ukusukela kuwashumi
asithandathu ukuya kwimitha enye ukubanzi .
Trenches are dug 60cm-1m deep. Umeleko
ongaphantsi wenziwe ngeetoti ezindala okanye
branches
Emva koko umeleko wezichumisi nawo
wongezelwe- umzekelo umbona, amadiza,
amagqabi, ukhula kunye nengca.
Emva koko umeleko womgquba
uyongezwa, ulandelwe ngumhlaba
ngaphezulu. Ngako ke oku
kuyamanziswa kwaye lenkqubo
iqalqa phantsi kwakhona iphinde
Xa kufumaneka, umeleko wezichumisi zohlaza ekuquka kuzo
ukhula
,
ama
gq
abi
,
ama
g
xolo neentsalela zemifuno.Iibhedi zemisele zakhiwa zibenodonga oluphakemeyo kube
nomsele urhangqileyo apha emacaleni futhi kubekhona
isigingqi ngaphakathi apho kutyalwa khona imbewu okanye
izithole.
4.7 IMISELE EMIFISHANE
Imisele emifutshane yiyona elushicilelo olulula lwemisele yeebhedi. Aye embiwe
kangangamasentimitha angamashumi amathathu agcqaliswe ngumxube wezichumisi, imigquba,
iintsalela zezityalo ezomileyo kunye neziluhlaza. Kuye ke konke kugcwaliswe kugqunywe ngomhlaba
kugqibe kutyalwe.
Lemisele emifutshane iqhele ukusetyenziswa xa kwenziwa imijelo nemimmango, oko kunika imigca
emide emxinwa equkethe umhlaba ochumileyo– okufaneleka kakhulu ezigadini ezinkulu
nasemasimini. Okwe misele, isigcina kufuma emhlabeni sibalulekile, njengoba kutyala ngokuxubanisa
okanye ngokutshintshanisa. Ezibhedi zihlala iminyaka emithathu ukuya kwesibhozo ngaphambi
kokuba idinge ukufulelwa kwakhona ngokwalekqubo.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu eelilitha ngonyaka
(>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elilinganiswa ku-0.5 ukuya kwisihlanu (>0.5%-5%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi
-Angange hectare engaphansi kuka 0.1 (<0,1ha),
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi-
-Kulula ukwenza nokugcina lomsebenzi, kepha ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Ukwemba umsele emfitshane
ongangamasentimitha angamashumi
amathathu ububanzi kunye neshumi
elinantlanu kwimigca yeekhonto
ensimini.
Ukuqalisa ukugcwalisa lomsele
ngomgquba, imvucu eyomileyo neluhlaza
yezityalo. materialIgadi enemisele emifitshane kunye nenzulu yeebhedi
ityalwe n
g
okuxubanisa kunye nesifumisi mhlaba.
4.8 IZANGQA ZOKUTYALA
Ezi zizingqa ezincinane, ibhedi zakhona ziphindaphindiweyo ukwembiwa oku kwengezelwa
nomgquba, okanye isivundisi. Amanzi ziwathola ngokungcengcetshelelwa kusetynziswa ibhotile
elinganiselwa kwiililitha ezimbini enemingxunyana evuliweyo emacaleni, yaze yatyalelwa emacaleni
ayo.
Ezi zangqa zifaneleke ezigadini ezincinyane kwaye ziye zisetyenziselwe ukufunda nokuziqhelanisa
nokulima ngengqubo ezothi izise inzuzo yokwandisa ubunzulu bomhlaba ekulinywa kuwo ukwenzela
iingcambu, umsoco womhlaba, izagquma okanye ezigcina kufuma emhlabeni kunye namanzi
okunkcenkcetshela, kukonke kulawuleke.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu eelilitha ngonyaka
(>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elilinganiswa ku-0.5 ukuya kwisihlanu (>0.5%-5%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi
-Angange hectare engaphansi kuka 0.1 (<0,1ha),
-Kusetsenziswa izixhobo zasekuhlaleni, futhi indleko/amaxabiso aphansi-
-Kulula ukwenza nokugcina lomsebenzi, kepha ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Ukumbiwa kwezi-zangqa ezincinane, ukusukela
kwimitha enye ukuya kwezingu 1.5 isinqumla
sangqa sakhona, kwaye zingamashumi
amathathu ubunzulu kune neshumi elinantlanu
eliye libekwe ukuze lisetyenziselwe ukuxuma
umgquba, ngaphambi kokubuyiselwa
kwalomhlaba wonke nawo oxutywe nomgquba
okanye izichumisi
Umboniso wesisangqa opheleleyo, urangqwe
ngamatye amancinane. Iinkuni ezingumbhoxo
ukwenyuka zisetyenziselwe ukutyala ukunceda
izityalo ezikhula zibambelele ngento
ekufutshane ukwenyuka ekuquka kuzo
iitomato.
Isangqa esincinane, sifakelwe isifudumezi
mhlaba, kunye neelitha ezimbini zebhotile
ebekelwe Phakathi nendawo kwagqiba
kwatyalwa amachiza.
4.9 IQONDO LOKUJOLISWA NOKUBHEKELELA EKUSETYENZISWENI KWEZICHUMISI NEKALIKA
Izichumisi ziye zongezwe ngokwezicwangciso ezisekelwe ngaphezu kwesimo sokuchuma
salowomhlaba, zijoliswe bucala nesityalo esikhulayo okuyindlela esebenza kangcono
kunokuhlwanyelwa okanye usasazwe. Oku kulondoloza indlela yokusebenzisa ezichumisi kwaye
kuphinde kubonelele ngesichumisi kuphela apho kunemfuneko khona, kukukwandisa ubuchule
bokusebenzise izichumise ngokwaneleyo. Ikalika yona ingafakwa kwisidibi okanye kumqolo
ukubhekelela umhlaba ongaphezulu- ukuthomalalisa i-asidi emhlabeni kwaye kugcine i-asidi
yomhlaba iphansi, okanye ikalika ingalinywa emasimini ngaphambi kokungenelela kohlelo luka CA.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amane anamashumi amahlanu eelilitha ngonyaka
(>450mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elilinganiswa ku-1.5 ukuya eshumini (>1.5%-10%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele, kuxhomekeke kwisisekelo sezicwangciso
zezichumisi
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Angange hectare engaphansi kuka 0.1 (<0,1ha), kubephakathi kuka 0.1 ukuya kwenye,
nangaphezulu kweehezimbini
-Iindleko/amaxabiso aphakathi nendawo-unciphiso loncedo oluvela ngaphandle luphunyezwa
kukusebenza ngobuchule
-Ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Ukufaka ikalika kwizidibi ngokomlinganiselo
wesiciko sebhotile
Ukufakwa kwezichumisi (i-LAN) ngaphansi
kangangeesentimitha ezimbini kude nembewu.
Ukutyala kwikalika ngaphambi kokuba kuqalwe ulimo lolondolozo
emakha
y
a
Ukusetyenziswa kwekalika ngaphezulu komhlaba
ozot
y
ala imbot
y
i
Ukusebenzisa iplantara
ekuncediseni ukwahlukanisa
imbewu nezichumisi ngexesha
elin
y
e
Isilinganiselo sezichumisi
ngetispuni
4.10 IMINGXUMA YE ZAI/OKUZIZIGINGQI ZOKUTYALA
I-zai ingumgxuma wokutyala, imvamisa iye ibe ngamashumi amabini ukuya kwamane eesentimitha
ukuvuleka, kwaye ibe lishuma ukuya kumashumi amabini eesentimitha ubunzulu. Le mingxuma ye
Zai ukubamba amanzi emvula kunye namanzi abaleka ngaphezulu komhlaba kwaye ikhusele imbewu
kunye nomsoco womhlaba kukhukhuliseko. Iphinde futhi ibe luncedo ekuqinisekiseni ukufikeleleka
kwamanzi nezondlo kwizityalo. Imingxuma iye imbiwe ebusika. Lomhlaba ukhutshwayo uye unyuswe
wenze ummango orangqileyo busangqa ukuphucula umthamo wamanzi ongathi ugcinwe yile
mingxuma. Ngemva kokumba imingxuma, umanyola wesivundisi uye ufakwe ngomyinge,
ekucetyiswa ukuba ulinganiselwe ku 0.6kg umgxuma ngamnye kwaye, ngemva kokuna kwemvula,
indima iye igqumathelwe ngomeleko ophityileyo womhlaba kwaye imbewu ibekwa phathi nendawo
emngxunyeni.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu eelilitha ngonyaka
(>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elilinganiswa ku-1.5 ukuya kumashumi amabini anesihlanu (>1.5%-25%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele (ongxenye inomdongwe olinganiselwa
kwisihlanu ukuya kumashumi amathathu) (5-30%), kunye nangaphezulu kwamashumi
amathathu eesentimitha ubunzulu (>30cm)
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Kubephakathi kuka 0.1 ukuya kwihekthare enye, nangaphezulu (0,1ha-1ha, >1ha)
-Iindleko/amaxabiso aphansi, kwaye kusetyenziswa izixhobo zasekuhlaleni
-Kulula ukwenza nokugcinwa, ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Imingxunya ye-Zai eKenya, ityalwe umbona yaphinde yenzelwa isigcina kufuma emhlabeni ukwandisa izinga lokubamba
ubumanzi kunye nomhlaba ochumileyo (isuselwe ku-permies.com, 2017)
Imingxunya ye-Zai yembiwe endaweni yokhukhuliseko,
nezinto zesivundiso esezilungele ukufakwa added (isuselwe
ku- Chris Reij), 20100
Umbona otyalwe kwimingxunya ye-Zai, e-Kenya (isuselwe ku-
Inadesforum.net)
4.11 ULIMO LOKULONDOLOZA (CA)
Ingqubo yokulima amasimi kusetyenziswa lemithetho sisekelo elandelayo:
xUkuphazanyiswa komhlaba kancinane, ukulinywa, kepha
kuvulwa nje umngxunyana ekufakwa kuwo imbewu, kwenziwe
izidibi kunye nemiqolo
xUkugqumathelwa komhlaba, iintshalela zesivuno zishiywa
ngaphezu komhlaba njengesogqumi okanye isigcina kufuma
emhlabeni, kwaye izityalo zigcinwa ensimini ixesha elide
ukukhusela izityalo eziphilayo.
xUkutyala ngokutshintshanisa, ngokuxuba, nangojikelezisa
kunye nokutyala ubandakanye umxube wezityalo zasebusika
nezasehlobo.
Lengqubo yolimo lokulondoloza eyaziwa ngelika-CA, iphucula impilo
yomhlaba kunye nokuchuma komhlaba, imveliso kunye nomthama
wokubamba amanzi omhlaba. Inciphisa ukubaleka kwamanzi
ngaphezu komhlaba kunye nokhukhuliseko ngokunjalo nezinga
lobushushu bomhlaba. Inciphisa uqhekeko kunye nokuqinelana
komhlaba.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi
amahlanu eelilitha ngonyaka (>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elilinganiswa ku-1.5 ukuya kwishumi elinesihlanu (>1.5%-15%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele (ongxenye inomdongwe olinganiselwa
kwisihlanu ukuya kumashumi amathathu enesihlanu epesenti) (5-35%)
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Kubengaphansi kuka 0.1 ehekthare ukuya kwihekthare ephakathi kuka 0.1 ukuya kwenye,
nangaphezulu kwezimbi (<0.1ha, 0.1-1ha, >2ha)
-Iindleko/amaxabiso aphakathi nendawo (aquka imbewu, umanyola,kunye neekhemikhali
zezolimo), iimatshini zokulima, kepha kusetyenziswa izixhobo zasekuhlaleni.
-Ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
UMGAQO SISEKELO WOKUQALA: Ukuphazanyiswa komhlaba kancinane
Iitlobo-ntlobo zeeplantara; i-Mbli (
igaba),i-Haraka (ivili), i-Matracca (jab)
kunye neplantara etsalwa zinkabi (i-
Kna
p
ik- n
g
ezansi
)
Ukutyala ngemijelo nezigingqi ngezandla kusetyenziswa igaba kunye
ne
p
lantara
y
e-MBLI– n
g
a
p
handle kokulima
Itrekta/iteletele ivula imiqolo emibini ngeplantara
engawuphethuliyo umhlaba.
Ukusetyenziswa kweplantara enevili i-Haraka – Le plantara ikwazi
ukutyala iintlobo-ntlobo zeembewu, kodwa ayivumelani nokufakwa
kwezichumisi n
g
axeshan
y
e.
Ukusetyenziswa kweplantara i-Knappick
engawuphethuliyo umhlaba idonswa ngeenkabi.
UMGAQO SISEKELO WESIBINI: Ukugqumathelwa komhlaba
UMGAQO SISEKELO WESITHATHU: Ukutyala ngokutshintshanisa nokuhlukanisa
Umbona kunye nembotyi zityalwe ngokuxutyaniswa-kusetyenziswe
imiqolo ephindwe kabini kwaye kunciphisiwe ukuvuleka
Umbona kunye ne ertyisi ethile zityalwe ngokuxutyaniswa-
kusetyenziswe imiqolo ephindwe kabini kwaye kunciphisiwe
ukuvuleka
Izityalo zasebusika; i-saia/ihabile emnyama,
ifula lohlobo oluthile lwamazimba (sogam),
kunye nefula lomfuno othile onegaqa
eli
q
hwetha
y
o.
Izityalo zasehlobo; ujongilanga, i-millet
kunye ne-Sun hemp
Imbotyi ye-Lab-Lab (i-dolichos),
Amanzi acocekileyo
agijima kwindawo
yokulima (amashumi
Amanzi agijimayo
amdaka
(angangekhulu
Indawo yolimo lokulondoloza kunye neentsalela
zesivuno. Amanzi abalekayo asuka kwindawo
yokulima acocekileyo futhi mancinane
Isigquma mhlaba ekuncedeni ukufumisa
umhlaba kwindawo yolimo
ngokulondoloza ukubonelela
eku
gq
umatheleni umhlaba.
Umhlaba ogqumathelwe kakuhle
ngeentsalela yezivuno
Indawo yokulima engenazo iintsalela
zesivuno. Amanzi amaninzi angcolileyo
abaleka entsimini.
4.12 UKUTYALA NGOKUCAZULULA
Ukutyala ngokucazulula kukulima apho izityalo ezahlukeneyo zihlwayelwe kwimigca ehlukeneyo
ukuthintela ukhukhuliseko mhlaba kwaye kulungiselelwe ukufikeleleka kwezityalo kwizondlo
kwizityalo. Ukutyala ngokucazulula imigca kufanele ukuba kungqamleze ithambeka okanye iikhonto.
Izityalo zidinga ukukhethwa ukuze zixubane ebunzilwini beengcambu zazo kunye nezondlo
eziyimfuneko. Ukutyala izityalo ezineentlobo ezahlukeneyo zemisebenzi kulicebo elihle. Ulwazi
ngeentlobo zezityalo zamahlathi ekuquka kuzo imidumba yamahobe (Pigeon Pea), imoringa
(Moringa), i-Sesbania sesban, i-Leuceana nokunye kusebenza kakuhle. Iintlobo zengca eziquka
ivetiva, ingca elamuni (lemon grass) kunye nefula le nephiya (Napier) nakho kungasetyenziswa,
ngokunjalo nomxube wengca irhodes-smutsfinger (Digitaria),i-Paspalum notatum kunye ne-Tall
Fescue.
IIMFUNEKO
-Imvula: engaphezulu kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu eelilitha ngonyaka
(>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Impandle: elilinganiswa ku-1.5 ukuya kwishumi elinesihlanu (1.5%-15%)
-Umhlaba: lonke uhlobo lomhlaba lukulungele (ongxenye inomdongwe olinganiselwa
kwisihlanu ukuya kumashumi amathathu enesihlanu epesenti) (5-35%)
UPHUNYEZO
- Kufanele ubenegadi, amasimi
-Kubengaphansi kuka 0.1 ehekthare ukuya kwihekthare ephakathi kuka 0.1 ukuya kwenye,
nangaphezulu kwezimbi (<0.1ha, 0.1-1ha, >2ha)
-Iindleko ziphantsi (kuquka imbewu, kunye nezixhobo zasekuhlaleni).
-Ubunzima busemsebenzini ekumele wenziwe.
Ukulima ngokucazulula kudibanisa umbona i-
Pas
p
alum kun
y
e ne-Di
g
itaria
Ukulima ngokucazulula kudibanisa i-Pigeon pea/i-
Leuceana kunye nombona.
Ingca elinywe ngokucazulula kwiikhonto phakathi kombona
Ukulima ngokucazulula kudibanisa umbona kunye ne-luseni okanye i-
Les
p
edeza
5 ULAWULO LWEZITYALO (IINDLELA ZOKULIMA, IZITYALO EZINEMPILO,UCAKACO KUNYE
NEMVELISO YEZIQHAMO)
5.1 UMANYOLA WAMANZI LIQUID MANURES
Umanyolo wamanzi zizicatshulwa zamanzi ezenziwa ngemfucuza yezilwanyane okanye izityalo,
ezivubelweyo zaphinde zaxutywa, zacocwa ngaphambi kokuba zisetyenziswe ezityalweni okanye
kumhlaba orhongqe izityalo njengendlela yokwengezelela nokuphucula ukuchuma komhlaba.
Umanyolo wamanzi uyengeza uphinde ulungelelanise izondlo kwizityalo kwaye iphinde yongeze
imixube yeentsholongwa ezithi zinyuse izinga lokuxhathisa ukulwa nezinga eliphezulu lezifo kunye
nezitshabalalisi kwizityalo.
Umthombe wesiqhelo wemanyolo engamanzi ngumgquba
wezilwanyane (ekukhethwa kuyo ukuba kube ngumgquba
osemtsha, osenentshalela zomchamopreferably)
ngengowenkomo, oweebhokhwe, owamahashe, owegusha
kunye noweenkukhu. Okanye intshalela zezityalo ezifana
nokhula olunamagqabi aluhlaza okubamnyama
(esetyenziselwa initrogen), iziqu zebhanana(kwenzelwa
ipotassium,iphosphate), icomfrey kunye ne-stinging nettle
(zombini ezi zinceda ngo silicon ukuncedisa kwizondlo
ezibalulekileyo (macro nutrients) kunye nezi zincinci
zingabalulekanga kakhulu ukuvimbela izifo kwizityalo). Ezi
ziyezivubelwe ziphinde zicocwe kangango 1:4 ngaphambi
kokuba zisetyenziswe.
UPHUNYEZO:
- Izitiya
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1
-Amaxabiso aphansi, kusetyenziswa izixhobo zasendaweni, mncinci umsebenzi
-Kulula futhi kuyakhawuleza ukuyenza
Ukunkqunkqwa kweziqu zobhanana njengesiseko seti
okanye umngquba wolwelo osekelwe kwizityalo Ukusika ukhula kongeza kumgquba
Umgquba wezilwanyane usetyenziswe njengomanyolo
wamanzi; Iinkukhu, iibhokhwe, iinkomo zenza umanyolo
olunge kakhulu- ikakhulukazi xa esematsha.
Iipheyile ezigcina ezimanyolo
zamanzi zidinga ukuvalwa
ukuthintela umphunga noma
ukulahleka kwezinye zezondlo
nomsoco.
5.2 UKUTYALA NGOKUXUBANISA
Ukutyala ngokuxubanisa endaweni yasegadini, kukudibanisa indle yokutyala izityalo ezahlukeneyo,
ukutyala ngokujikelezisa kunye nokutyala kwemihlobo. Injongo kukuba nezityalo ezahlukeneyo
ezininzi (ekuquka izityalo zamayeza, ezixosha izitshabalalisi kunye nezityalo ezinemisebenzi
emininzi) kangangoko kwinkqubo yakho yokuvelisa iziqhamo kunye nemifuno, unyaka wonke,
ukuqinisekisa ukutya okunempilo, kuphuculwe indlela zokulawula izitshabalalisi, izifo kunye nokhula,
kuphinde kunciphiswe ubungozi bokunqongophala kokutya ngenxa yokungaphumeleli kwezityalo.
Ukhetho lwezityalo kuyanyaniswa nezi zilandelayo:
oUkukwazi ukuvuna ukudla kwasegadini okungathi kudliwe ekhayeni ixesha elingangonyaka
wonke.Being able to harvest food from a garden for household use throughout the year. Oku
kutsho ukugxila kwizityalo ezinokuvunwa ixesha elide ekuquka kuzo imifuno enamagqabi
aluhlaza, iletisi enamagqabi aluhlaza, kunye netswele lase ntwasahlobo, iilike kodwa
kuyekwe ukugxilisiswe kwizityalo ezifana neekhaphetshu, amatswele ezikwazi ukuhlala
ixesha elide ngaphandle kokuvelisa ukutya.
oIzityalo izinevithamini-A ephezulu, ezifana nemifuno enamagqabi aluhlaza okumnyama
(ezifana nesipinatshi, nesinaphi, imastadi, i-rape kunye ne-kale, oonomnqatha, uhlaza
lwemvelo (olufana ne-amaranthus kunye namagqabi amathanga), kunye neziqholp (herbs-
ezifana ne-parsley).
oIztyalo ezithintela izitshabalalisi ziquka kuzo ii-coriander, ugalikhi kunye nezinye iziqholi kutya
ezifana nama-rosemary kunye ne-thyme.
oImidumba kumifino etyebileyo ziproteni ezifana nembotyi, iifama (peas) kunye neetheniphu.
oIzityalo zexesha elide nemisebenzi emininzi ezifana nee-wormwood, ingca yelemoni (lemon
grass), i-bulbinella kunye ne-confrey.
oIintyatyambo ezifana nee-marigold kunye ne-calendula.
Ukwengezelela, kuaye uxinzelelo lubekwa ekubeni kunatyalwa izityalo zohlobo olufanayo endaweni
enye ukunciphisa ukwande kwezifo ezixhaphakileyo kuleyondawo kunye nokunciphisa umbango
wezichumisi. Ngakho ke, iitumato, oobrinjolo, amazambane kunye nee-pepper azityalwa endaweni
enye, kanjalo nee brassicas ezifana neekhaphetshu, ii-broccoli, i-cauliflower kunye ne-kale okanye
ezomdiliya ezifana ne-swisschard kunye nebhithiruthi.
Ukutyala ngokujikelezisa kuye kwethulwe ngendlela zombini zokumela izondlo ezinesisindo
ezinjengekhaphetshu kunye nezinesondlo esinesisindo esilula ezifana ne-swiss chard kunye nelethisi,
kunye nendlela eyaziwayo yokujikelezisa amagxolo-iingcambu-imidumba-kunye neziqhamo.
Amaxesha okutyala aye akhiwe malunga nendawo kunye nesimo sezulu sayo.
Ngezansi kuxhoma amaxesha adityanisiweyo enziwe kunye namalunga ase-Limpopo, ekungawo
ebhekana nobusika obutshisayo kunye nehlobo elitshisayo. Kwazulu Natali naseMpumakoloni apha
ubusika Bakhona bupholileyo futhi bubandayo amaxesha okulima aqhelekileyo akulungele ukuba
angasetyenziswa khona.
UPHUNYEZO:
-Izitiya, amasimi
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1, nengu 0.1 ukuya kwenye nezingaphezulu kwezimbini
-Amaxabiso aphansi (imbewu nezityalo), kusetyenziswa izixhobo zasendaweni,
- Kulula ukuyenza
uMagdelina Malepe
(waseSedawa), ulime i-marigolds,
ithyme, iparsley, ispinatshi kunye
nekale
uChristina Thobejane
(waseSedawa) – ulime umbona, i-
okra, iitumato, ikale kunye
nemari
g
olds
uPhumelele Hlongwane
(waseZibomvini) – Ibeetroot,
Ispinatshi sesinaphi, itswele
lasentwasa ntlobo kunye
neparsley
uAlex Makgopa (waseSedawa)- ,
itswele lasentwasa, ispinatshi,
onomnqatha kunye nemarigolds
Kwa-Mrs Mcanyana
(waseGobizembe) – u-broccoli,
isipinatshi sasetTshayina,
ispinatshi, i-coriander kunye ne-
marigolds
Imisele eyenza ibhedi zokutyala
nomxube weziqholo, ifennel,
icoriander, iparsley kunye
nemachives
5.3 UKUTYALA NGOKUTSHINTSHANISACROP ROTATION
Ukutyala ngokutshintshanisa yindlela ebalulekileyo yokulawula igadi namasimi. Ukutyala
ngokutshintshanisa kunciphisa izitshabalalisi, nezifo ezakheka emhlabathini nakwindalo engqongileyo
ukulinganisa ukususwa kwezichumisi emhlabeni kwaye iphucule impilo yomhlaba.
Sebenzela ngaphezu kweminyaka emithathu
ubuncinane bokujikelezisa ensimini.
Umzekelo ngumbona (esisondlo
esinesisindo) itshintshaniswa nomxube
wezityalo zokugquma (cover crop mix-efana
ne-sun hemp, imillet, kunye nojongilanga)
(izondli ezingenasisindo) zitshintshaniswa
nemidumba, efana (nembotyi eyomileyo,
icowpea kunye nedolichos)
Sebenzela ngaphezu kweminyaka
emithathu ukuya kwemine yamaxesha
okulima ngokutshintshanisa ekuveliseni
imifuno. Indlela enye yelande Inkqubo enye kukuhamba ngokulandela kwezintlelo zikeliswe apha
ngemva kokumba umsele okanye ukongeza umgquba, iziqhamo, amagqabi, iingcambu, imidumba.
5.4 IINDLELA ZENDALO ZOKULAWULA UKHULA NEZINAMBUZANE
Indlela zesintu zokuthintela izinambuzane kunye nezifo kuqiniseko lwenkqubo yokuveliswa kokutya
kumanyene needlela ezidibeneyo kwezi zine zilandelayo:
¾Ukuphuculwa kokuchuma komhlaaba, impilo yomhlaba kunye namandla okubamba amanzi
emhlabeni ukuvelisa izityalo ezinempilo neziqaqambileyo, kusetyenzelwa ngaphezulu
kokuqonda ukuba izityalo ezingaphansi koxinzelelo zisengozini yokungenwa zizifo kunye
nezinambuzane ezitshabalalisayo.
¾Ukutyala ngokuxubanisa kunye nococeko lwasegadini, ukunciphisa uxinzelelo
lwezinambuzane ezibhubhisayo kunye nezifo ezithi zenzeke apho kungatyalwanga khona
ngokuxubanisa. Kunye nenokwenzeka ngokuthi kusuleleke konke kunye nokuphinda
ukusuleleka ngokuqikilela ukususa izozityalo zinesifo, kuphinde kususwe insusela
yezinambuzane ezitshabalalisayo. Kuphinde kwandiswe ubukho bamarhamncwa kunye
neenyosi okukokwendalo exhaphakileyo yezinambuzane zeegadi.
¾Ukutyalwa kweentlobo zezityalo ezinemisebenzi emininzi, kuko kokubini kunyaka wonke
kunye nezingapheliyo, ukufaka izityalo ezizigxothayo izitshabalalisi, kwaye ezilawula
izitshabalalisi ngendlela. Ezi zifaka:
oIintyatyambo ezifana ne marigolds kunye nee-calendula
oIziqholo ezifana namalavenda (lavender) ii-rosemary,i-corinda, i-coriander, i-parsley,
1-thyme, i-fennel, i-basil, i-rocket, ingca yelamuni kunye neekonofile lemon grass and
garlic chives;
oIintlobo zezityalo zamachiza/zonyango okanye amayeza ezifana ne-wormwood
bulbine kunye ne bulbinella okuziintlobo zezityalo ezifana nekhala (aloe spp), i-
comfrey, i-stinging nettle;
oKunye nemithi yemidumba efana ne-Sesbania sesban, i-moringa, udali (pigeon pea)
kunye ne-Acacia spp.
¾Ukwenza iti noma ukuvubela utywala ngezitshabalalisi kunye nezifo ube ube usebenzisa
iindlela zokulawula izifo nezigulo. Nazi iindlela eziqhelekileyo zasemakhaya zokulawula izifo
nezitshabalalisi ziquka ukudibanisa upelepele, igalikhi, itswele kunye nesepha eluhlaza (oku
kunceda kwizitshabalalisi ezithambileyo njengeentwala), uparafini, itswele (ezi
zisetyenziselwa izitshabalalisi ezinemizimba eqinileyo ezifana noonoqongqothwane
neetotoviyane), icuba (lisetyenziselwa kuphela kuhlaselo olubi kakhulu nolusindayo). Kodwa
ke kukhona ezinye iindlela futhi.
UPHUNYEZO:
- Izitiya, amasimi
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1, nengu 0.1 ukuya kwenye
-Amaxabiso aphansi, kusetyenziswa izixhobo zasendaweni,
-Kulula ukuya phakathi nendawo ukuyenza kwaye kudinga ulwazi olunzulu
Integrated garden management; water and soil management, diversified crops,
ildl i
Pest predators control pests by ingesting
them and or laying eggs
Umbelliferae – such as onions and
leeks attract pest predators- e.g.
Pest control brews; soap chilli garlic mixes,
paraffin and onions mixes – for soft bodied insects
Marigolds protect against root knot nematodes
Umzekelo: ngogalikhi
INDLELA YOKWENZA:
Ungqungqa iiclove inkcoleke, (i-bulb enye, okanye ezimbini eziphakathi nendawo) uyicwinise
etispunini ezimbini zamafutha usuku lonke okanye kwiparafini insuku ezimbini. Sebenzisa ingqayi
yeglasi, hayi inkonxa. Dibanisa nesiqingatha selitha yamanzi nesepha, uhluze. Dibanisa oku ukwenze
kwisiqephu sokuqala neenxalenye ezilishumi zamanzi, ukusebenzise njengetshiza. Yixukuze kakuhle
ngaphambi kouba uyisebenzise.
Kujoliswe:
Kwizitshabalalisi gabalala: Iingcongconi, iintwala, iimpukane, iimpethu, amakhalane,
iimbovane, oonoqongqothwane, iimopane, iinundu ezibizwa ngokuba yidayimbackback,
ubuxoki,bokubamba iintaka, iigrub, iimites, iiborer zeepesika, kunye neentubi.
I-fungi: ukhwekhwe, ukungunda, umhlwa weembotyi, iswekile yetumato.
i-alternaria – ukubola kweziqhamo,i-blotch emfusa, kunye namabala kumagqabi.
i-Cercospora– Ukungunda kwamagqabi, amabala kumagqabi, imigqobho.
i-Colletotrichurn – amabala emagqabini, i-anthracnose, ukubola kweziqhamo, ukutshiza.
Intsholongwane: i-Xanthomonas spp.
Izibungu zokufaka izinambuzane
kunye nenundu ekungezo zenyani
Amabhola egalikhi
Igciwane (Bacterial blight) kumaqunube
ebangelwa yi-Xanthomonas campestris
Iimpawu ze-anthracnose (ezibangelwa
yiColletotrichum) kwisiqhamo secapsicum
5.5 ULAWULO LOKHULA OLUMANYENEYO
Ukhulanalo luzizityalo, zamaxesha onke (unyaka wonke okanye
ixesha elide), iye ikhule kakuhle, ikhululekile ndawo zonke
emadlelweni kunye nasezitiyeni iphinde ibangisane nezityalo
ngezondlo nezichumisi, amanzi kunye nendawo.
Isimo sezulu kunye nomhlaba owahluka-hlukeneyo, iindlela zokulima
kunye nokuhlakula zixela ukuba hlobo luthile lokhula Luyanda kwaye
lubenzima ukuhlakuleka. Umzekelo, ingca yamantongomane kunye
nee-sedges zilunga kumhlaba wodongwe kwaye ingathatha indawo
ngokupheleleyo xa ukhula lulawulwa ngendlela ngokuba lusikwe
ngaphezulu xalukhulayo kuphela, ngekhuba. olukhula
luyaphindaphindana ikakhulukazi kwii-ckhorms ngaphansi komhlaba.
Ukhula olundlongondlongo lonyaka olufana ne-black jack kunye ne-
Amaranthus ithatha indawo xa ukhula lwamva kwixesha lokutyala
ingasuswanga, ngengoba imbewu ikhula isabalakefuthi imbewu
ingaphila ixesha elide lwamaxesha esomiso.
Ukumanyanisa ulawulo lokhula kudibanisa inani leendlela
eazahlukiliyo ezifana nokuphucula ubume bomhlaba kunye nempilo
yomhlaba, isigquma nesifudumezi mhlaba, izityalo zokwegquma,
ukutyala ngokujikelezisa kunye nokunciphisa izithuba xa utyala.
Idibanisa iikhemikhali kunye neendlela zoomatshini zokulawula
ukhula. Ukwenza umgquba nako kuyalubulala ukhula, kwaye xa
yenziwe ngendlela, inganciphisa imbewu eninzi yokhula endaweni.
Ukuhlakula ixesha selidlulile, ukunciphisa imbewu yokhula onyakeni
kubaluleke kakhulu.
UPHUNYEZO:
-Izitiya, amasimi
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1, nengu 0.1 ukuya kwenye
-Amaxabiso aphansi, kusetyenziswa izixhobo zasendaweni,
-Kulula ukuya phakathi nendawo ukuyenza kwaye kudinga ulwazi olunzulu
Indawo yokutyala eyongamelwe zii-nut grass-
ngenxa yokuphindelela ukutyala ngekhuba
njengendlela yokumelana nokhula
Indawo elinywe umbona nembotyi ngendlela
yokulima izityalo ezahlukileyo, apho ukhula
selengamele izityalo.
Ukuvundisa umhlaba ngomgquba kuyayibulala imbewu
yokhulakwaye yindlela enhle yokulungisa umanyolo ngaphambi
kokuba usetyenziswe njengoba ibuye inyuse isisindo sezondlo
kuman
y
olo.
Ukuvala izithuba nokutyala phakathi kwezityalo kukhusela izityalo
ukuba zingongamelwa lukhula– Kwesokudla ngumbona otyalwe
wanesithuba esincinci kukhona nokhula oluncinci,
n
g
akwesokunxele n
g
umbona ot
y
alwe nezithuba ezikhulu-
iDock (ngezansi ikhombisa umhlaba omuncu, i-amaranthus
(ngasentla kwesokunxele) ikhombisa umhlaba ovundileyo
onesakhiwo esibi. Umhlabangula (kwesokudla ngasentla
ungathatha izichumisi ezitholakalayo zezityalo)
Ii-Sedges and kunye nee-nutgrass zikhomba ukunqongophala
komoya emhlabathini, ngenxa yokucinana nokungabikho esimeni
kwesakhiwo somhlaba.
5.6 UKHULISO LWEZITYALO ELUGCINWENI ZIPHINDE ZICAKAZWE
Ukhuliso nocakazo lwezityalo emakhayeni (imifuno, iziqholo kunye neziqhamo) kunye nezityalo
ezinemisebenzi emininzi (amachiza, kunye nezixhobo zokulawula izitshabalalisi) ukusukela embewini,
ukusika, ukwehlukanisa, i-buld kunye namaKorms zibalulekile ukugcina ziphinde zinyuse
ukwahlukana egadini. Azidinge zixhobo zikhethekileyo, kulindeleke ukutyala phakathi, ukutyala
iibhegi, kunye nokutyala izithole kwiitreyi. Kwaye ingaphinde ilungiselelwe ngaphansi komthunzi
womthi wasekhaya.
Iibhedi zokutyala izithole ziye zenziwe zibe ngamashumi amathathu ukuya kwamathandathu
eesentimitha ubunzulu kunye nomgquba omninzi (onjengomanyola, nomgquba) kwaye kumele
zibesemthunzini ukugcina imbewu ifumile (kodwa ingabimanzi), ngamaxesha okumila kwembewu
kunye nangexesha zisencinci. Ukumilisa ukhulise izithole ngeetreyi kudinga ulawulo olukhulu kwaye
kunzima okwenza lemveliso ibe ngokwemvelo (organically). Kodwa kungcono futhi kulula kakhulu
ukukhulisa izithole zakho ngamaqela ubuye uuwatshintshe uwaxakaca ukusukela apho.
UPHUNYEZO:
- Izitiya,
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1
-Amaxabiso aphakathi nenda (imbewu, izityalo, kunye nee-containers), kusetyenziswa
izixhobo zasendaweni,
- Inomsebenzi omninzi
Imveliso yezithole endawe evundiswe ngomgquba kakuhle kwenziwa
iibhedi zokutyala nomthunzi nesakhiwo seplastiki ukuvikela izithole.
Isakhiwo esenziwe ngomnatha
sanomthunzi senzelwe ukucazwa
kwemifuno kunye neziqholo.
Ii-Tubs nezitya
zokukhongozela
zingasetyenziswa-
kulula ukuzilawula
nokuziphatha
Umwoba noomango becakacwe phansi kwi-
nurseries ezincinci.
Inursarries ezincinci zasemakhaya ngaphansi
komthunzi wemithi zenzelwa ukucakacwa
kweziqhamo, kwemithi enemisebenzi emininzi ,
iizihlahla neziqholo (shrubs and herbs). Iimango,
iMoringa zikhuliswa apha.
5.7 UKUGCINWA KWEMBEWU
Ukugcinwa kwembewu kuyindlela eqhelekileyo kubalimi akasebancinci kunye nakubahlali. Imbewu
igcinwa unyaka omnye ukuya kolandelayo ngenxa yobunzima obuya busenyuka besimo sendawo
zokukhulisa imbewu. Ngezinga eliphezulu, abalimi amancinci bazothenga imbewu bazame ukuyigcina
ecaleni kwimbewu yezityalo evuniweyo; into exela ukuba kobakhona umtsalane omkhulu
ekutholakaleni kwembewu yemveli. Ukugcinwa kwembewu kuyinkrubo ebalulekileyo kakhulu
ekugcineni imbewu yesintu/yemveliso ikhuselekile kwaye kwaye nabalimi bancamela iintlobo
ezahlukeneyo ekungazona izityalo zohlobo, ezisilungeleyo isimo sezulu, izifo kunye nezinambuzane
zasekuhlaleni.
Izinto ekumele uzihlalise engqondweni yakho xa ubeka imbewu zezi zilandelayo:
¾Kubalulekile ukukhuthaza (izilwane ezincedisayo ngomungu (pollen)) ngakukhulisa intlobo
ezininzi zeentyatyambo zezityalo futhi zigcinwe zizintlobo-ntlobo ezahlukileyo ngaphakathi
nangaphandle ukurhangqa igadi namasimi kuphinde kunciphise ukusetyenziswa
kwezinambuzane.
¾Ngcin imbewu yezityalo ezomeleleyo nezinempilo kuphela, ungaze ugcine imbewu yezityalo
ezibholayo (seeding eary)
¾Khetha phakathi kwezityalo ezintandathu ukuya kwezilishumi elinane ozobeka imbewu yazo.
¾Ungaze ubeke imbewu yezityalo ezinesifo okanye ezigulayo
¾Imbewu kumele ivuthwe futhi yome esityalweni kangangoko
¾Izityalo ekulula ukuba zichumisane zizodwakumele zahlukaniswe (umzekelo ngee-brassica,
umbona, iipepa (peppers) kunye nopelepele, amathanga,ilethasi nezinye) endaweni okanye
exesheni okanye zivalelwe olugcinweni (use caging).
UPHUNYEZO:
-Izitiya, amasimi
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1, nengu 0.1 ukuya kwenye
-Amaxabiso aphansi, kusetyenziswa izixhobo zasendaweni,
-Kulula ukuyenza nokuyigcina kodwa kubuye kusebenzise kwaye kudinga ulwazi olunzulu
Igadi yokuvelisa imbewu, nesakhiwo sokugcina, kunye
nesithandathu ukuya kwishumi elinesibini lohlobo
ngalunye kwiintlobo ezininzi zezityalo zokubeka imbewu
zityalwe ndawonye ukunciphisa ukuba zisasazelane
Ukusasaza ngezandla kombona
ukuvelisa imbewu ezokhethwa.
Isityalo sikapelepele esivalelweyo
ukuqinisekisa imbewu enkcolekileyo
ukuba ingaba luhlobo
Iintyatyambo nezityalo ukuqhakazisa
usasazeko olwenziwa ziinyosi,
amabhabhathane kunye nezinye
Izisasazi
ziyazithanda
iintyatyambo
ezahlukeneyo
5.7.1 UKWENZIWA NOKUGCINWA KWEMBEWU
Kukonke, imbewu idinga ukuhlala isendaweni epholileyo, ebumnyameni kwaye ihlale yomile ukugcina
umgangatho wokusebenza kwayo kangangoko. Xa imbewu igcinwe kumaqondo obushushu
nasekufumeni okwehlukeneyo, iye ikhawuleze ukuphulukana namandla ayo okuntshula. Ngezansi
kukhona amanqaku ambalwa abalulekileyo achaza indlela ekuyiyo yokugcina imbewu:
¾Ukufuma; imbewu ifunxa ubumanzi obuvela emoyeni. Imbewu idinga ukugcinwa ungaphansi
kwamaphesenti alishumi obumanzi kwindawo eyomileyo okanye evalelekileyo emoyeni.
¾ Qikelela ukupakisha kooplastiki.
¾Ukukhanye kuyayinciphisa impilo yembewu, beka imbewu yakho kwindlu okanje ingqayi
emnyama. Kufuneka ihlaliswe ebumnyameni.
¾Amzinga obushushu; imbewu ihlala ixesha elide endaweni ebandayo hayi kumaqondo
angumkhenkce.
¾Imbewu efana neyetamatisi kunye ikhukhamba ezegqunywe ngejeli ekuyiyo engqanda
imbewu ukuba imile. Lejeli idinga ukususwa, ngaphambi kokugcinwa nokuntshula
kwembewu. Le jeli ingavubelwa neswekile emva koko imbewu iyahlanjwa yomiswe.
¾Ukomiswa futhi okugqibeleleyo kuyenziwa ngejeli yesilica.
¾Ugcino ngothuthu, ikalika, kunye namagqabi esityalo thizeni omisiweyo aphinde agaywa
umzekelo, ikhala liyacetyiswa ukuqikilela ukuphepha nokungabikho komonakalo ongenziwa
zizinambuzane elugcinweni.
Ngayo yonke ipesenti
yokunciphisa
ubumanzi kwimbewu,
ubomi bembewu
buphindeka kabini
Sebenzisa isilicon
ukukhupha amanzi
kwimbewu nomthuthu
ukugcina imbewu eyomileyo.
Ubeko nobume apho kwenzelwa
khona ugcino lwembewu,
ukuqwayita, amaphepha kunye
neengqayi zokubeka imbewu.
Beka imbewu kwiingqayi zegilasi
Uvubelo lwembewu yeetumato negooseberry ukuze
zi
g
cinwe zi
p
hinde zimile kakuhle
Beka imbewu kwindawo eyomileyo,
epholileyo, ebumnyameni.
Ubomi bembewu
buphindeka kabini
ka amazinga
obushushu
enciphiswe
ngamapesenti
hl
5.8 IMVELISO YEZIQHAMO
Ukuvelisa iintlobo ezininzi zeziqhamo kwizinga lasekhaya, ezikwazi ukuhluma ixesha elikhulu
enyakeni kubalulekile kukhalo lokusabalalisa iintlobo
ezahlukileyo nokomelela. Iziqhamo zingaveliswa zenze
imbewu, ukusika, iingcambu, ukwahlulahlulaa kunye
nokudibanisa iingcambu. Imithi yeziqhamo idinga
ukutyalwa nzulu, kwindawo echumileyo, futhi idinga
ukunkcenkcetshelwa, ikakhulukazi xa isemincinci. Idinga
ukukhuselwa emoyeni iphinde ithenwe ebusika (iziqhamo
ze-deciduous ezifana neepesika, iplums kunye neeapile)
okanye ithenelwe ukuvelisa iziqhamo ngokuveleleyo
(imithi ehlala iluhlaza efana nesitrasi, oomango, kunye
neeavokhado). Izityalo zendalo zilungcedo xa
zinokusetyenziselwa ukugqanda izilwane nezinambuzane
(ezifana neempukane zeziqhamo, iimbovane, iintwala
kunye nezitshabalalisi) kunye nezifo.
Iintlobo ezahlukeneyo zeziqhamo zikulungele ukutyalwa
kwimimmandla eyahlukeneyo yezolimo. Ngokuyintloko,
kukhona ezo zidinga ukubanda kobusika (sub-tropical
fruit), ezifana neeapile, amapere, amaplums, iidiliya kunye neepesika kunye neziqhamo zetropikhali
ezingakwaziyo ukuphila ngaphansi komkhenkce wobusika ezifana neemango,iibhanana, iiavokhado,
kunye nee-litchis. Isitrasi yona iyakwazi ukumelana namaqondo obushushu ahlukeneyo, kodwa idinga
ukunkcenkcetshelwa ngokwaneleyo.
UPHUNYEZO:
-Iigadi okanye izitiya
-SeIihekthara ezingaphansi kuka-0.1, nengu 0.1 ukuya kwenye
-Amaxabiso aphakathi nendawo (imbewu kunye nezityalo), kusetyenziswa izixhobo
zasendaweni,
-Inomsebenzi omninzi kwaye idinga ulwazi olunzulu
Sebenzisa amayeza endalo afana nepyrethrum, amafutha
ezembiwa kunye nelime yesulphur. Sebenzisa umgubo
ween
g
cambu xa uzohlukanisa izit
y
alo n
g
okuzisika.
Ukunkcenkcetshela umthi
weeorenji, nezitya
ezibamba amanzi
Imithi yeetumato ecakaciweyo yenza imbewu
enevithamini C ezininzi kunye neziqhamo
kweyokwindla ukuya kucanzibe apho suke zincinci
iiih
Ukucakacwa kusukela kwimbewu,
igranadila, ukotapeya kunye neemango,
igooseberries, kunye nemithi yeetumato.
Sebenzisa amagqabi kunye nezitya
zokubamba amanzi ukusebenzisa
amaenvula ngokupheleleyo kwimithi
Indlela yasekhaya yokubamba
iiimpukane zeziqhamo yenziwe
ngeorenji kunye namanzi aneswekile
Tyala imithi kwimingxunya
emideegcwaliswe ngomgquba uphinde
wenze indawo yokukhongozela iphinde
igcine amanzi okunkcenkcetshela
5.9 IMVELISO YEMANGO YENDALO
Iimango zomelele kakhulu kwaye zenza kakuhle kwindawo eziphakathi kobusika nobushushu
behlobo. Kuneenhlobo zendalo ezikhuliseka kalula ngembewu. Nezininzi ke intlobo zeemango
zanamhlanje ezikhuliselwa ukuba zibenkulu, nencasa kunye nefayibha encinci, kepha ukuvelisa
iziqhamowhere ezingqwenelekayo
zimeliselwa kwiingcambu eziqinileyo kwaye
ezimelana nezofo. Imizekelo yamagama
eentlobo eziqhelekileyo kulamaxesha zi-Keit,
i-Kent, i-Shelley kunye neTommy Atkins.
Ezintlobo zithengiswa njengeziqhamo, ijusi,
imango eyomileyo kunye nezikhumba
zeziqhamo.
Ngezansi kukho iingcebiso ezimbalwa
zokukhulisa imithi yeemango zendalo:
-Yenza umgquba kwinyanga ezine
ukuya kwezintandathu ngaphambi
kokuba utyale.
-Tyala imithi efunyenweyo kutsha nje
yasentlakohlaza kwimngxunya
elinganiswelwa kumashumi
asithandathu esentimitha (60x60cm)
ezaliswe ngomxube womgquba,
umhlaba, ikalika, kunye namathambo. Yakha isitya sokunkcenkcetshela esijikeleze umthi
ugqibe ubonelele ngesigqumatheli/isifumisi mhlaba.
-Umgquba wongezelelwa unyaka nonyaka, ngemva kokuqhamisa iziqhamo.
-Ukithena kuye kwenziwe unyakaa nonyaka ngemva kokuqhamisa ukuqinisekisa uphahla
lomthi oluvulelekileyo, apho zonke iziqhamo zinokuthi zifumane imitha yelanga.
-Imithi esemincinci idinga amashumi amabini ukuya kwamane eelitha zamanzi ngeveki.
IMFUNEKO:
-Imvula: kufanele ibengaphezulu kwamashumi amathathu anesihlanu ngonyaka
(>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Ubume bendawo: kumele ibesendaweni elithambeka
- Umhlaba: lonke uhlobo
-Ukunkcenkcetshela, indlela yokufukelela emanzini okunkcenkcetshela ibalulekile.
UPHUNYEZO:
- Iigadi okanye izitiya
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1, nengu 0.1 ukuya kwenye
-Amaxabiso aphakathi nendawo, kusetyenziswa izixhobo zangaphandle nezasendaweni,
ukufikeleleka kwiintlobo-ntlobo ezintsha zizityalo
-Kulula ukuyilawula, kodwa ifuna iingcali kwezobuchwephetshe.
Ukunyuswa kwexabiso leziselo (i-juice) kunye nokomiswa
komango
Umthi wemango otheniweyo ukhulella
emacaleni kabutsha, kunomgquba
owongezelwe kwikhongozeli
sokunkcenkcetshela nokufumisa.
Umdiliya womfama osemncinci eLimpopo,
uzocwaningwa ngumphathi woomango.
Ukuthena, umgquba kunye nesitya
sokunkcenkcetshela zifakelwe umthi
wemango omdala ukuwubuyisela
kwimveliso
6 UKUNGENELELA KWEMFUYO
Ezi ziinkalo zolawulo lwemfuyo okuye kwenzeke zihambisane nokutyala okanye zibandakanyeke
ekungeneleleni kwinkqrubo yezolimo ukwenza inkqrubo enye edibeneyo.
Kwelicandelo sizojongisisa iindlela esingaqhuba ngazo ezingathi zinyusele amazinga ziphinde
ziphuhlise ifula kunye nokukhethwa kwamadlela angathi ondle imfuyo.
6.1 UKHETHA KWINDAWO ZOLIMO LWEMITHI
Izityalo zemithi zixutywe kulenkqubo yezolima kungaba ngokweziqendu zomhlaba, ukutyala uhlobo
olunye lwesityalo okanye phakathi kokutyalwa kwezityalo zonyaka (ngokuqhelekileyo kuye kube
kukutyalwa kwengca phakathi kombona-(strip cropping)). Livestock fodder species such as pigeon
pea (udali), acacia species (umhlalankwazi), Sesbani sesban (umsokosoko), Moringa olifeara and
Leauceana spp are common.
IMFUNEKO:
-Imvula: kufanele ibengaphezulu kwamashumi amathathu anesihlanu ngonyaka (>350mm/year)
-Amaqondo obushushu: angaphezulu kwesihlanu (>5°C)
-Ubume bendawo: kungaba yindawo ezipesenti ezilishumi nantlanu okanye ezilinganiselwa ku 1.5 (1,5&-
15%)
-Umhlaba: lonke uhlobo
UPHUNYEZO:
- Iigadi, amasimi
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1, ukuya ku 0.1
nenye, okanye zibengaphezulu kwesibini (>2ha)
-Amaxabiso aphakathi nendawo (ngawe mbewu,
okanye ezinye izixhobo zokulima), kwaye
kusetyenziswa izixhobo zasekuhlaleni
-Iyasebenzisa kakhulu.
Ibhokhwe idla udali
Umgca we-Moringas etyalwe ensimini encinane I-Leaucena ityalwe kuluhlu lothango olutyalwe imbotyi
(ngaphambili) kunye nombona (ngemva)
Isityalo i-Sesbania ikhula ensimini kuluhlu lothango
Imizekelo yokutyala imithi ngeendlela ezahlukeneyo kwenye
imbonakalo mhlaba kubekhona udali (i-pigeon peas)
6.2 INKQUBO YE-AGRI-SILVIPASTORAL
Inkqrubo ye-Agri-silvicultural iyintlanganisela yokutyalwa kwemithi ebandakanye ukudityaniswa
kwezityalo unye nemithi, ngenjongo zokwandisa imiphumela nezibonelelo kweso siqithi.
Iinkqrubo ezitholakala ngaphansi koluhlelo ziquka:
-Ukutyalwa kwe-Alley; ukutyalwa kweentlobo zemithi kuthango okanye ukulinywa kweentlobo
ngeentlobo zezityalo kwi-alley phakathi namathango. Izixhobo zemithi zibalulekile
ukuphuhlisa ukuchuma komhlaba kunye nokukhula kwezityalo.
-I phuhlisa ii-fallows. Iintlobo zemithi ziye zityalwe zishiywe ukuba zikhule ngemaxesha ee-
farrows. Intlobo zemithi ziphuhlisa ukuchuma komhlaba kunye nomthamo wokubamba
amanzi.
-Igadi zasemakhaya; ziye zibe busondelana; zibe kwindawo ezininzi ezidibanisa intlobo-ntlobo
zemithi kunye nezityalo ezijikeleze imizi. Iphinde ibonelele ngemisebenzi emininzi efana
nokwenza umthunzi, amachiza, iziqhamu kunye nefula.
-Imithi enemisebenzi emininzi kumhlaba wezityalo; imithi iyasabalaliswa okanye
ilungelelaniswe ngendlela thizeni ehambisana neziqhoboshi, ngemimmandla okanye ibe
kwimida yentsimi. Lemithi ikhethelwe ukulungisa initrogen, iphinde ibonelele ngeziqhamo ,
ngeenkuni zomlilo kunye nefula.
UPHUNYEZO:
- Iigadi,amasimi, imfuyo
-Iihekthara ezingaphansi kuka-0.1, ukuya ku 0.1 nenye, okanye zibengaphezulu kwesibini
(>2ha)
-Amaxabiso aphakathi nendawo (ngawe mbewu kunye nezityalo), nezixhobo zasekuhlaleni.
-Iyasebenzisa kakhulu kwaye idinga ulwazi olunzulu.
Izihlahla zemidumba zityalwe endaweni
zamadlelweni, kwenzelwa ukukhangela
yimfuyo
Idlelo lityalwe phakathi kwezihlahla kwi
diliya kwenzelwa amadlela kunye
nomthunzi wemfuyo.
6.3 ISONDLO KUNYE NOXHASO LWEMFUYO
Ukuxhaswa kwemfuyo ngesondlo kuyindlela yokulawula esetyenziswa ukubonelele imfuyo ngezondlo
ezingekhoyo emadlelweni. Lenkqrubo ibaluleke kakhulu ebusika, apha ingca ingqongopheleyo
emadlelweni kwaye amadlelo anesondlo esisemgangathweni ophansi kakhulu (umzekelo
ukungqongophala okanye ukungabikho kweproteni) Ungakhetha kwiinhlelo ezingezantsi zesibonelelo
sesondlo:
-Ukudla okuneeproteni kunye nolwelo olufana ne- Voermol Premix 450 (engumgubo) kunye ne-LS 33
(engamanzi)
-Iinkozo nembewu efana nombona ogutyiweyo, amazimba, nokunye okuninzi.
-Ilitye elikhothwayo, kukhothwa kokubini amaminerali kunye neproteni.
Uxhaso lwesondlo lungaphinde luze ngendlela yeentlobo ezahlukileyo zefula. Oku kumanyene
nokukhulisa iintlobo zefula ezinexabiso eliphezulu nelingcono lwesondlo xa lithelekiswa nefula
langaku. Intlobo ezininzi zefula zityalelwa ukwandisa uhlaza lwefula olunexabiso eliphezulu ebusika.
Umzekelo wezintlobo ubandakanya: i-Lucerne, ifula le-rye, I -oats emnyama (saia-black oats), i-vetch,
i-Teff, ifula i-radish, i-Japanese radish, i-Kale, i-turnips. Iintlobo zengca engatshiyo ehlala iluhlaza
nasebusika efana ne-kikuyu kunye neTall fescue zingumbono omhle.
Ukondliwa kwemfuyo ngohlobo lovalelo yendlela yokulawula evumela amathole kuphela ukuba
akwazi ukungena afumane ukutya okunesondlo okwengezelelweyo ngexesha esancela konini.
Amathole aye abe nendlela angina ukuyodla koluxhaso , okuyindawo ebiyelweyo enesango elivulela
amankonyane ngokwaneleyo kodwa iphinde ibe mxinwa ukungenisa inkomo endala, yilonto ke le
ebizwa nge ‘creep feeding’.
UPHUNYEZO:
- Kudingeka ubenemfuyo
-Iihekthara ezingu 0.1 kuya kwenye, okanye zibengaphezulu kwenye (>1ha)
-Amaxabiso aphakathi nendawo kusetyenziswa izixhobo zasekuhlaleni.
-Iyasebenzisa kwaye idinga ulwazi olunzulu.
Ukuxhaswa kwefula kwenziwe ngokomisa
amagqabi e-Sesbania sesban, ityuwa kunye
nombona ogayiweyo.
Umzekelo wesondlo sokuvalela (creep) okuyindlela
yamankonyane.
i-Japanese radish
Isityalo se-vetch kunye nengqolowa i-Saia zityalwe kwinsimi yombona
u
k
u
z
e
k
uty
i
s
w
e
kh
o
n
a
ebus
ik
a
.
i-LS 33 kunye ne-premix 450
Ibhloko yeproteni eyenziwe ekhayeni-lebhloko ibandakanya i-
molasses, i-urea, isidle seproteni , isidlo se-urea proteni,
umthombo we-phosphorous. Amanzi, isamente encinci kunye
netyuwa.
6.4 UKONDLA NGESITALI KUNYE NOKWENZA I-HAY
Ukondla ngesitali ngokusisiseko kuchaza ukusika uphinde uthwale isondlo eso semfuyo uyosibeka
esibayeni sazo, kanjalo unciphisa umonakalo ungenziwa yimfuyo emasimini kwaye uqinisekisa
isandlo esibhetele.
i-Hay yingca yokondla iinkomo
eyomileyo ingenziwa ngengca
yasemadlelweni, intlobo ezithile
zengca ezifana ne-lucerne, i-
cowpea, i-Teff nezinye okanye
iindiza neentsalela zezityalo. I-bale
ye-Hay ingenziwa ibencinane
ngezandla kusetyenziswa umatshini
wokwenza ama-bale, ikakhulukazi
kumafama amancinci.
UPHUNYEZO:
- Kudingeka ubenemfuyo
-Iihekthara ezingu 0.1 kuya kwenye, okanye zibengaphezulu kwenye (>*1ha)
-Amaxabiso aphakathi nendawo kusetyenziswa izixhobo zasekuhlaleni.
-Iyasebenzisa kwaye idinga ulwazi olunzulu
I-bale le-Lucerne i-bale le-Eragrostis Teff
Ukwenziwa kwe-baler lezandla, ne-bale lengca yasemadlelweni
Ukondlela esibayeni
Indiza zemidumba (imbotyi yesoya)
Isitaki sendiza zombona
6.5 UKUJIKELEZA AMADLELO
Ukutyisa qho emadlelweni anohlobo lwengca ethandekayo kuyekudambisa ukuthandeka kwayo
kwandise izityalo ezingathandekiyo kulondawo. Ukugcina imveliso kumhlaba onengca kuyimfuneko
ekuphumzeni ingxenye yedlelo kwixesha
lonke lokukhulisa. Oku kuvumela izityalo
zengca ukuba zigcine umsoco nezondlo
kwiingcambu okuphinde kwnze ingca ibe
nomsoco omninzi.
Ngokufanelekileyo enye yekota yamadlelo
kumele iphunyuzwe ekudlisweni rhoqo
ngemva konyaka abane. Kubalulekile
kubafuyi bemfuyo ukusebenzisana ukunza
umsebenzi walenkqrubo yokujikelezisa
amadle.
UPHUNYEZO:
- Kudingeka ubenemfuyo
-Iihekthara ezingaphezulu kwenye
(>1ha)
- Amaxabiso aphakathi nendawo
kusetyenziswa izixhobo zasekuhlaleni.
-Iyasebenzisa kwaye idinga ulwazi olunzulu
Ukutyisa emadlelweni ekuqaleni kwexesha, ingca yonke isencinci,
ubungqina bubonakala ngokhukhuliseko mhlaba.
Idlelo lexesha lakamva elilawulwa kakuhle, linengca eninzi
ebomvu (i-Themeda triandra), ikhombisa ngombala wentloko
yembewu eqhakaze ubomvu. Kwegqumeke kakuhle ngengca,
kunye nomxube weentlobo-ntlobo ezihlukileyo zengca.